20 Emathatheni ayo kuphuma umsi,Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.
21 Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle,Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo.
22 Entanyeni yayo kuphuma amandla,Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.
23 Imihlubulo yenyama yayo inamathelene,Iqinile kuyo, ayishukumi.
24 Intliziyo yayo iqine njengelitye,Iqine njengelokusila langaphantsi.
25 Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele,Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.
26 Lifike kuyo ikrele, àlimi;Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.