22 Entanyeni yayo kuphuma amandla,Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.
23 Imihlubulo yenyama yayo inamathelene,Iqinile kuyo, ayishukumi.
24 Intliziyo yayo iqine njengelitye,Iqine njengelokusila langaphantsi.
25 Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele,Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.
26 Lifike kuyo ikrele, àlimi;Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.
27 Ithi síngumququ isinyithi,Livithi ubhedu.
28 Utolo lwesaphetha aluyibalekisi;Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo.