23 Imihlubulo yenyama yayo inamathelene,Iqinile kuyo, ayishukumi.
24 Intliziyo yayo iqine njengelitye,Iqine njengelokusila langaphantsi.
25 Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele,Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.
26 Lifike kuyo ikrele, àlimi;Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.
27 Ithi síngumququ isinyithi,Livithi ubhedu.
28 Utolo lwesaphetha aluyibalekisi;Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo.
29 Ithi imivinqi ziindiza,Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula.