4 Ingénza umnqophiso na nawe,Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?
5 Ùngádlala na nayo njengentaka,Uyikhulekele amantombazana akho?
6 Angárhweba ngayo na amahlulelana abambisayo,Ayabe phakathi kwabarhwebi?
7 Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe,Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
8 Beka isandla sakho kuyo;Khumbula imfazwe, ungaphindi.
9 Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga;Inene, úqethuka kwaesayibona.
10 Akukho sijorha sokuyixhokonxa;Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?