6 Angárhweba ngayo na amahlulelana abambisayo,Ayabe phakathi kwabarhwebi?
7 Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe,Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
8 Beka isandla sakho kuyo;Khumbula imfazwe, ungaphindi.
9 Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga;Inene, úqethuka kwaesayibona.
10 Akukho sijorha sokuyixhokonxa;Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?
11 Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.
12 Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo,Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.