7 Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe,Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
8 Beka isandla sakho kuyo;Khumbula imfazwe, ungaphindi.
9 Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga;Inene, úqethuka kwaesayibona.
10 Akukho sijorha sokuyixhokonxa;Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?
11 Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.
12 Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo,Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.
13 Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo?Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?