1 UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
2 Ndiyazi ukuba ùnako ukufeza konke,Akunqatyelwa nto uyicingileyo.
3 Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi?Ngoko ke ndithethé ndingaziqondiIzinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.
4 Khawuphulaphule, ndithethe mna;Ndiya kubuza kuwe, undazise.
5 Bendikuva ukukuva ngendlebe,Kungoku iliso lam likubonile.
6 Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye,Ndiseluthulini naseluthuthwini.
7 Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.