12 Ángamandla amatye na amandla am?Inyama yam ilubhedu na?
13 Ákuphelile yini na kum ukuncedakala,Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?
14 Akùhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe,Uya kulahla ukumoyika uSomandla.
15 Abazalwana bam banginizile njengomlanjana,Njengomphantsi wemilanjana etshayo,
16 Emdaka ngumkhenkce,Elizifihla kuyo ikhephu.
17 Ekufikeni kokufudumala iyabhanga;Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.
18 Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo,Inyuka iye enyanyeni, idake.