3 Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle;Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.
4 Kuba iintolo zoSomandla zimi kum,Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam;Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.
5 Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni?Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?
6 Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa?Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?
7 Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam,Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.
8 Akwaba bendingazuza isicelo sam,UThixo andiphe endikulindelayo;
9 Kukhóleke kuThixo ukundityumza,Asivulele isandla sakhe, andinqumle!