10 Akabi sabuyela endlwini yakhe,Ingabi samazi indawo yakhe.
11 Nam andiyi kuwubamba umlomo wam;Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam,Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.
12 Ndilulwandle na, ndiyingwenya na,Ukuba undimisele umlindo?
13 Xa bendisithi, Wóndithuthuzela umandlalo wam,Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:
14 Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha,Wandidandathekisa emibonweni,
15 Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa;Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.
16 Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade;Ndíyeke, kuba ingumphunga imihla yam.