14 Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha,Wandidandathekisa emibonweni,
15 Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa;Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.
16 Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade;Ndíyeke, kuba ingumphunga imihla yam.
17 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo,Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,
18 Umvelele imiso yonkeUmcikide imizuzu yonke?
19 Kunini na ungawasusi amehlo kum,Ungandiyeki, khe ndiginye amathe?
20 Ndithé ndona, ndingákwenza ntoni na?Wena mlindi woluntu,Yini na ukuba undenze itekeni,*Ndibe ngumthwalo kum?