2 Kunini na uthetha izinto ezinje?Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho?
3 UThixo angákwenza gwenxa na okusesikweni?USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?
4 Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena,Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;
5 Ukuba ùthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena,Watarhuzisa kuSomandla;
6 Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena,Okunene, wóvuka ngoku ngenxa yakho,Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;
7 Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane,Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.
8 Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili;Uxunele ekugocagoceni kooyise baso: