8 Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili;Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:
9 Kuba singabezolo thina, asinakwazi;Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.
10 Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe,Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,
11 Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo?Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?
12 Iseluhlaza, ingekaphiwa,Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.
13 Únjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo,Nethemba lomkhohlisi liyadaka;
14 Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa;Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.