1 Yeziganeko 1 XHO96

Inzala ka-Adam kude kuye kuma kuAbraham

1 UAdam wazala uSeti, uSeti wazala uEnoshe,

2 uEnoshe wazala uKenan, uKenan wazala uMahalaleli, uMahalaleli wazala uJerede,

3 uJerede wazala uInoki, uInoki wazala uMethusela, uMethusela wazala uLameki, uLameki wazala uNowa.

4 Ke uNowa wazala uShem noHam noYafete.

5 Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noJavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.

6 Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma.

7 Oonyana bakaJavan: nguElisha, noTashishe, namaKiti, namaRoda.

8 Naba oonyana bakaHam: nguKushe, noMizerayim, noPuti, noKanana.

9 Oonyana bakaKushe nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan.

10 Ke uKushe wazala uNimrodi owaba ligorha lokuqala emhlabeni.

11 Nasi isizukulwana sikaMizerayim: ngamaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,

12 namaPatrusi, namaKaseluyi (apho kwaphuma khona amaFilistiya), namaKafto.

13 UKanana wazala uSidon owamazibulo, noHeti,

14 kunye namaJebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

15 namaHivi, nama-Areki, namaSini,

16 nama-Arvadi, namaZemari, namaHamati.

17 Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUzu, noHuli, noGetere, noMesheki.

18 UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uHebhere.

19 UHebhere wayenoonyana ababini. Inkulu yabizwa ngokuba nguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahluka-hlukana abemi bomhlaba. Yona inci yayinguJoketan.

20 Oonyana bakaJoketan nguAlemodadi, noShelefe, noHazare-mavete, noJera,

21 noHadoram, noUzali, noDikela,

22 noEbhali, noAbhimayeli, noShebha,

23 no-Ofire, noHavila, noJobhabhi. Yonke le ke yinzala kaJoketan.

24 Nanku umlibo kaShem: UShem wazala uArpakishadi, uArpakishadi wazala uShela,

25 uShela wazala uHebhere, uHebhere wazala uPelege, uPelege wazala uRewu,

26 uRewu wazala uSerugi, uSerugi wazala uNahore, uNahore wazala uTera,

27 uTera wazala uAbram, lo ukwabizwa ngokuba nguAbraham.

Inzala kaIshmayeli

28 Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli.

29 Nantsi inzala yabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, ibe nguKedare, noAdebhele, noMibhesam,

30 noMishma, noDuma, noMasa, noHadadi, noTema,

31 noJeture, noNafishi, noKedema. Yinzala kaIshmayeli ke leyo.

32 UAbraham wayeneqadi uKetura owazala oonyana abanguZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa. Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan.

33 Oonyana bakaMidiyan nguHefa, noEfere, noHanoki, noAbhida, noElda. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.

Inzala kaEsawu

34 UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli.

35 Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRuweli, noJewushe, noJalam, noKora.

36 Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Oma, noZefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki.

37 Oonyana bakaRuweli nguNahati, noZera, noShama, noMiza.

Abantwana bomthonyama base-Edom

38 Oonyana bakaSeyire nguLotan, noShobhali, noZibheyon, noAna, noDishon, noEzere, noDishan.

39 Oonyana bakaLotan nguHori noHomam. Udade boLotan nguTimna.

40 Oonyana bakaShobhali nguAliyana, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaZibheyon nguAya noAna.

41 Unyana ka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan, noItran, noKeran.

42 Oonyana bakaEzere nguBhilehan, noZavan, noYakane. Oonyana bakaDishan ngu-Uze noAran.

Ookumkani bakwaEdom

43 Naba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom phambi kokuba kwaSirayeli kubekho ukumkani olawulayo: NguBhela unyana kaBhehore, okomkhulu laliyiDinabha.

44 Akufa uBhela kwangena esikhundleni sakhe uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera.

45 Akufa uJobhabhi kwangena esikhundleni sakhe uHusham wakummandla wakwaTeman.

46 Akufa uHusham kwangena esikhundleni sakhe uHadadi unyana kaBhedadi, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi, okomkhulu laliyiHaviti.

47 Akufa uHadadi kwangena esikhundleni sakhe uSamla waseMasereka.

48 Akufa uSamla kwangena esikhundleni sakhe uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati.

49 Akufa uShawule kwangena esikhundleni sakhe uBhali-hanani unyana ka-Akibho.

50 Akufa uBhali-hanani kwangena esikhundleni sakhe uHadadi okomkhulu laliyiPawu, omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi intombi kaMezabhi.

51 Akufa uHadadi yaba zezi izikhulu zakwaEdom: uTimna, uAleva, uYetete,

52 uHolibhama, uEla, uPinon,

53 uKenazi, uTeman, uMibheza,

54 uMagediyeli, noIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29