1 Yeziganeko 12 XHO96

Abazibandakanye noDavide eZikelage

1 La ngamadoda awaya kuDavide eZikelage, ngokuya wayegxothiwe nguSawule unyana kaKishe. Yayingamanye kumajoni awayesima nawo edabini.

2 Ayexhobe ngeentolo *neenkwitshi, iinto ezidubula ngazo zozibini esokunene nesasekhohlo. Yayingamadoda endlu kaBhenjamin, izizalwana zikaSawule.

3 Ewe, la madoda iingqwayi-ngqwayi zawo yayinguAhizene noYowashe, oonyaba bakaShemawa waseGibheya; wona inguYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; uBheraka, uYehu waseAnatoti,

4 noIshmaya waseGibheyon, igorha kulaa mashumi mathathu elaliyingqwayi-ngqwayi yawo; uJeremiya, uYaziyeli, uYohanan, uYozabhadi waseGedera,

5 uEluzayi, uJerimoti, uBheliya, uShemariya, noShefatiya umHarufi,

6 uElikana, uYeshiya, uAzarele, uYowezere, noYashobhewam, amaKora;

7 noYowela noZebhadiya oonyana bakaJeroham zaseGedore.

8 Namanye kumaGadi awelela kuDavide ngoko asenqabeni yakhe entlango. Yayingamatsha-ntliziyo aqule aligangatha, iinto ezinesandla ngakumkhonto nekhaka. Yayizizinto ezibuso bungwanyalala okwengonyama, izinto ezisantya ngathi yimbabala yentaba.

9 Ayekhokelwa nguEzere, esalekelwa nguObhadiya, kulandele uEliyabhi,

10 owesine inguMismana, owesihlanu inguJeremiya,

11 uAtayi ingowesithandathu, uEliyeli ingowesixhenxe,

12 owesibhozo inguYohanan, uElizabhadi ingowethoba,

13 uJeremiya ingoweshumi, oweshumi elinanye inguMakebhanayi.

14 La maGadi yayiziingqwayi-ngqwayi zomkhosi, nelona tyutyusi kuwo sasingeyontanga yalo nekhulu, noyena makhonya kuwo engeyontanga yalo newaka.

15 Ngawo la awela umlambo iJordan ngenyanga yokuqala, ingazele iphuphuma, aza abaswantsulisa bonke ababemi kwiintili zayo empuma nasentshona.

16 Kananjalo namanye amaBhenjamin ekunye nabathile bakwaJuda awelela kuDavide ngoko asenqabeni yakhe.

17 UDavide waphuma wawahlangabeza, wathi kuwo: “Ukuba ngaba nize ngoxolo apha kum, ngenjongo yokundincedisa, ndiyanamkela, singamanyana. Kambe ke, ukuba kuthe kanti nize ngeenjongo zokundintama ezintshabeni zam, ngoku ndingasenanxa namntu, ngamana anganibona uThixo woobawo, anibuyekeze.”

18 Ke uMoya wehla phezu koAmasayi ingqwayi-ngqwayi yaloo mashumi mathathu, waza wathi:“Thina singabakho, Davide!Singabakho, mfo kaJese!Makube yimpumelelo kuwe,baphumelele nabo bakuxhasayo,kuba uThixo wakho uza kukunceda!”Ngoko ke uDavide wawamkela, wawenza iingqwayi-ngqwayi zamabutho okuhlasela.

19 Namanye kumadoda akwaManase awelela kuDavide xa wayekunye namaFilistiya, besilwa noSawule. Kambe ke yena naloo madoda akhe zange bade bawancedise amaFilistiya lawo, kuba athi akuba ethetha-thethene, umlawuli wawo wamgxotha, esithi: “Le nto ingangumngcipheko kwakuthi – hleze asuke akreqe kuthi, axhase inkosi yakhe uSawule.”

20 Ke ekuyeni kwakhe eZikelage, nanga amaManase azibandakanya noDavide: uAdena, uYozabhadi, uYediyali, uMikayeli, uJozabhadi, uElihu, noZiletayi, iingqwayi-ngqwayi zamabutho akwaManase.

21 UDavide amnceda kumabutho ahlaselayo. Kaloku onke ayengoompondo-zihlanjiwe, eziingqwayi-ngqwayi emkhosini wakhe.

22 Amadoda aphikela ukuwelela kuDavide mihla le, wada ke wanomkhosikazi owomeleleyo.

Abazibandakanye noDavide eHebron

23 La ngamanani amadoda omkhosi awazibandakanya noDavide eHebron, ukuze umbuso kaSawule awubhukuqe uwele kuDavide ngokomlomo *kaNdikhoyo:

24 awakwaJuda, iinto eziqule zaligangatha, zixhobe ngomkhonto nekhaka, yayingamawaka amathandathu namakhulu asibhozo;

25 awakwaSimon, iinto eziqule zaligangatha, zilindele umayenzeke, yayingamawaka asixhenxe nekhulu;

26 awakwaLevi, ingamawaka amane namakhulu amathandathu,

27 ekunye noJoyada intloko yendlu ka-Aron, kunye namadoda angamawaka amathathu namakhulu asixhenxe,

28 noZadoki igorha lomfana, namagosa endlu yakowabo angamashumi amabini anesibini;

29 awakwaBhenjamin kuloSawule, ayengamawaka amathathu, awayesoloko engakuSawule ukuza kuthi gaa ngelo thuba;

30 awakwaEfrayim, amagorha aziwayo nakowawo, yayingamashumi amabini amawaka namakhulu asibhozo;

31 awesiqingatha sikaManase, awayekhutshelwe ukuza kumisela uDavide ukuba abe ngukumkani, yayilishumi elinesibhozo lamawaka;

32 awakwaIsakare, izinto ezaziwaqonda amaxesha, ziyazi into afanele ukuyenza uSirayeli, yayiziinkokheli ezimakhulu mabini, zikunye nezizalwana zazo ezaziphantsi kolawulo lwazo;

33 awakwaZebhulon, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezichophele imfazwe, zilungele nasiphi na isixhobo, zizimisele ukunceda uDavide zingenakumbi, yayingamashumi amahlanu amawaka;

34 awakwaNafetali yayiliwaka lamagosa kunye nezinto eziphath' ikhaka nomkhonto, zingamashumi amathathu anesixhenxe amawaka;

35 awakwaDan, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amabini anesibhozo amawaka namakhulu amathandathu;

36 awakwa-Ashere, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amane amawaka;

37 awangaphesheya kweJordan, kwaRubhen noGadi nesiqingatha sikaManase, izinto ezixhobe ngeendidi zonke, yayingamawaka alikhulu namashumi amabini.

38 Onke la yayingamajoni azinikelayo ukuze angene emabuthweni. Wona aya eHebron ezimisele ukuba uDavide amenze ukumkani phezu kwakhe ewonke uSirayeli. Ewe, amaSirayeli xa ewonke jikelele ayemoya mnye wokuba uDavide abe ngukumkani wawo.

39 Loo madoda ke ahlala iintsuku zantathu apho esitya esela oko akulungiselelwe ngamawabo.

40 Kaloku noogxa bawo ababevela kwaIsakare, kwaZebhulon, nakwaNafetali, beza nokutya, bekuthwele ngeedonki, iinkamela, iimeyile, neenkabi zeenkomo. Ukutya kwakudlal' abantwana: umgubo wengqolowa, amaqebengwane amakhiwane naweerasentyisi, iwayini, amafutha omnquma, iinkomo, neegusha. Kaloku yayiyimincili kwaSirayeli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29