1 Ke kaloku uJowabhi waphuma nawo umkhosi wakowabo ngexesha lentlakohlaza, ithuba abadla ngokulwa iimfazwe ngalo ookumkani. Walibhuqa walivuthulula elama-Amon, waza waya kungqinga iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem. NeRabha leyo wayihlasela uJowabhi, wayishiya ingamabhodlo.
2 UDavide wasothula isithsaba esasisentloko yokumkani wama-Amon. Sasibunzima bumalunga namashumi amathathu anantlanu eekhilogram, senziwe ngegolide, sihonjiswe ngamatye axabisekileyo. UDavide wasithweswa eso sithsaba. Wathatha amaxhoba amaninzi kweso sixeko,
3 abemi balapho wabathatha wabafaka emsebenzini wokusarha, nowokumba, nokucanda. Wenjenjalo ke uDavide nakwabanye abemi bezixeko zama-Amon. Emva koko uDavide wabuyela eJerusalem kunye nomkhosi wakhe wonke.
4 Ekuhambeni kwethuba amaSirayeli alwa namaFilistiya eGezere. Ngelo thuba ke uSibhekayi umHusha wabulala uSipayi ongomnye wenzala kaRafa; aza ke amaFilistiya oyiswa.
5 Kwelinye idabi namaFilistiya uEl-hanani, unyana kaJayire, wabulala uLami owayengumntakwabo-Goliyati umGati, lowa wayenomkhonto ongangesibonda.
6 Kanti ke kwelinye idabi elaliwa eGati, kwakukho ingxilimbela yomfo otsho ngeminwe emithandathu ezandleni zozibini nasezinyaweni zombini, ingamashumi amabini anesine iyonke. Naye wayeyinzala kaRafa.
7 Wathi esahlekisa ngamaSirayeli wasuka wabulalwa nguJonatan unyana kaShimeya umntakwabo-Davide.
8 Esi ke yayisisizukulwana sikaRafa eGati. Kambe ke bawela ezandleni zikaDavide nomkhosi wakhe.