1 Yeziganeko 11 XHO96

Ukungena kukaDavide embusweni

1 Ke kaloku onke amaSirayeli ahlanganiselana kuDavide eHebron, athi: “Mhlekazi, siyazalana; sikwaligazi lakho.

2 Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo uThixo wakho wathi kuwe: ‘Wena uya kuba ngumalusi wabantu bam amaSirayeli, ube ngumlawuli wabo.’ ”

3 Aya kufika ke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani uDavide eHebron, waza wanqophisana nawo phaya eHebron phambi koNdikhoyo, aza ke amthambisa waba ngukumkani wamaSirayeli ngokwesithembiso sikaNdikhoyo esivakaliswe nguSamweli.

4 UDavide namaSirayeli ephela baphuma baya eJerusalem – yiJebhusi ke leyo. Abemi bakhona, amaJebhusi,

5 athi kuDavide: “Akunakuze ungene apha wena!” Kambe ke uDavide wasuka wayithimba inqaba iZiyon, isixeko sikaDavide.

6 UDavide ke wayethe: “Nabani na othe wakhokela xa kuhlaselwa amaJebhusi uya kuba yinjengele.” Ke uJowabhi, unyana kaZeruya, yaba nguye ophumayo, waza ke wenziwa injengele yomkhosi.

7 Waya kuhlala apho kuloo nqaba uDavide, yaza yabizwa ngokuba sisixeko sikaDavide.

8 Wakha isixeko sayijikeleza, esusela kungqameko, waya kuthi ngqu ngodonga olujikelezileyo. Ke yena uJowabhi wasizinzisa isixeko ngokubanzi.

9 UDavide ke waya esomelela ngokomelela, kuba kaloku uNdikhoyo onamandla onke wayenaye.

Amagorha kaDavide

10 Nazi iintloko zamagorha omkhosi kaDavide. Wona ke ekunye namaSirayeli ephela awuxhasa awomeleza umbuso wakhe wada wanabela kulo lonke elo lizwe ngokwesithembiso *sikaNdikhoyo.

11 Ewe, nalu uludwe lwamagorha kaDavide:UJashobham umHakimoni wayeyintloko yamagorha angamashumi amathathu. Walwa namakhulu amathathu amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.

12 Olandelayo nguElazare, unyana kaDodo umAhoyi, engomnye wamagorha amathathu.

13 Yena wayekunye noDavide ePasi-damimi mhla ngedabi, amaFilistiya ehlanganisene khona. Ndaweni ithile apho kwakukho intsimi ezele yirhasi, umkhosi waswantsuliswa ngamaFilistiya.

14 Kambe ke uElazare namadoda akhe bema baqingqa apho phakathi kuloo ntsimi. Ewe, bahlanganisa babetha kwajub' ugodo kumaFilistiya, waza uNdikhoyo waba ngotshatsheleyo.

15 Isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide saya kuye kwiliwa elikumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise kwintili yamaRafa.

16 Ngelo xesha uDavide yena wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem.

17 UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.”

18 Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni leBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi:

19 “Hayi khona, uThixo makandithintele; soze ndiyenze into enjalo! Ndingaba ndisela igazi lala madoda awakhe ngokubeka ubomi bawo esichengeni sokufa. Ewe, ngokuhamba aye kuwakha aphinde abuye nawo, abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.

20 UAbhishayi umntakwabo-Jowabhi yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.

21 Waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywa kuloo magorha mathathu.

22 Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.

23 Wabulala umJiputa owayelufafa oluziimitha ezimbini ezinekota ubude. UmJiputa lo wayephethe umkhonto ongangesibonda, uBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.

24 Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.

25 Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.

26 Nanga loo magorha:NguAsayeli umntakwabo-Jowabhi, uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,

27 uShamoti waseHarori, uHeleze wasePelon,

28 uIra unyana kaIkeshe waseTekowa, uAbhiyezere waseAnatoti,

29 uSibhekayi waseHusha, uIlayi waseAhoyi,

30 uMaharayi waseNetofa, uHelede unyana kaBhana waseNetofa,

31 uItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin, uBhenaya wasePiraton,

32 uHurayi wamaxandeka aseGahashe, uAbhiyeli waseBhete-arabha,

33 uAzemavete waseBhawurim, uEliyabha waseShalebhon,

34 oonyana bakaHashem waseGizon, uJonatan unyana kaShage waseHarari,

35 uAhiyam unyana kaSakare waseHarari, uElifali unyana kaUre,

36 uHefere waseMekera, uAhija wasePelon,

37 uHezero waseKarmele, uNarayi unyana kaEzebhayi,

38 uJoweli umtakwabo-Natan, uMibhare unyana kaHagri,

39 uZeleki umAmon, uNaharayi waseBheroti, umphathi-zikrweqe zikaJowabhi unyana kaZeruya,

40 uIra waseItri, uGarebhe waseItri,

41 u-Uriya umHeti, uZabhadi unyana ka-Alayi,

42 uAdina unyana kaShiza, umRubhen owayeyinkulu yamaRubhen, enamadoda angamashumi amathathu kunye naye,

43 uHanan unyana kaMahaka, uYoshafati waseMeten,

44 u-Uziya waseAshterati, uShama noYeyeli oonyana bakaHotam waseArohere,

45 uYediyali unyana kaShimri, umntakwabo uYowa waseTizi,

46 uEliyeli waseMahavi, uJeribhayi noYoshaviya oonyana bakaElnam, uItema umMowabhi,

47 uEliyeli, no-Obhedi, noYasiyeli waseMezobhaya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29