1 Yeziganeko 10 XHO96

Ukufa kukaSawule noonyana bakhe

1 Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa.

2 AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa.

3 Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamchana, bamngxwelerha.

4 Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wenjenje: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga.”Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.

5 Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele.

6 Kwanjalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye nendlu yakhe iphela.

7 AmaSirayeli onke angaphesheya kwentili athi akubona ukuba umkhosi uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolopu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.

8 Ngengomso xa amaFilistiya aya kuphanga impahla yâbo babewe edabini, afika izidumbu zooSawule noonyana bakhe ziqungquluze apho kuloo ntaba iGilibhowa.

9 Amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe uSawule, athatha intloko yakhe nezixhobo zakhe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso *koothixo bawo nakubantu bawo.

10 Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo, intloko yakhe ayixhoma endlwini yothixo wawo uDagoni.

11 Zathi zakuvakala kubemi bonke baseJabheshe eGiliyadi iindaba zento yonke eyenziwe kuSawule ngamaFilistiya,

12 kwanduluka onke amagorha alapho, azithatha izidumbu zooSawule noonyana bakhe, azisa eJabheshe. Emva koko bawathatha amathambo abo, baya kuwangcwaba ngaphantsi komthi omkhulu eJabheshe, baza bazila iintsuku ezisixhenxe.

13 USawule lo ke wafa kuba esuke akathembeka *kuNdikhoyo. Akazange alithobele ilizwi likaNdikhoyo, wada waya kubuzisa nakoosiyazi, efuna isikhokelo,

14 endaweni yokubuzisa kuNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wambulala, waza umbuso lowo wawunikezela kuDavide unyana kaJese.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29