1 Yeziganeko 2 XHO96

Inzala kaYakobi

1 Naba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uZebhulon,

2 uDan, uJosefu, uBhenjamin, uNafetali, uGadi, noAshere.

Inzala kaJuda

3 Oonyana bakaJuda nguEre, no-Onan, noShela, oonyana abathathu abazelwe ngumKananakazi uBhashuwa. Ke uEre, amazibulo kaJuda, zange amkholise *uNdikhoyo, waza wambulala.

4 UTamare, umolokazana kaJuda, wamzalela uPerezi noZera. Bebonke ke oonyana bakhe babebahlanu.

5 Oonyana bakaPerezi nguHezeron noHamuli.

6 Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHeman, noKalkoli, noDara. Bebonke babebahlanu.

7 Unyana kaKarmi nguAkana, lowo wawahlisela inkathazo amaSirayeli, wenza ubuqhophololo ngokuwathathela kuye amaxhoba awayefanele ukutshatyalaliswa.

8 Unyana kaEtan nguAzariya.

Umlibo kaDavide

9 Oonyana bakaHezeron nguJerameli, noRam, noKelubhayi.

10 URam wazala uAminadabhi, uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yamaJuda.

11 UNashon wazala uSalma, uSalma wazala uBhowazi,

12 uBhowazi wazala uObhede, uObhede wazala uJese.

13 Naba oonyana abasixhenxe bakaJese ngokuzana kwabo: uEliyabhi, uAbhinadabhi, uShimeha,

14 uNataniyeli, uRadayi,

15 uOzem, noDavide.

16 Oodade babo yayinguZeruya noAbhigeli. UZeruya wayenoonyana abathathu: uAbhishayi, uJowabhi, noAsayeli.

17 UAbhigeli wazala uAmasa; uyise ka-Amasa nguYetere umIshmayeli.

Inzala kaHezeron

18 Unyana kaHezeron uKalebhi wazalelwa intombi enguJerihoti ngumkakhe uAzubha, waza wazala oonyana abanguYeshere, noShobhabhi, noArdon.

19 Akusweleka uAzubha uKalebhi wathatha uEfrati owazala uYuri.

20 UYuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhezaleli.

21 Emva koko, xa uHezeron wayeminyaka imashumi mathandathu, wathatha intombi kaMakire uyise kaGiliyadi, eyamzalela uSegubhi.

22 USegubhi wazala uJayire owayenemizi engamashumi amabini anantathu ezweni laseGiliyadi.

23 Ke uGeshuri noAram bathimba iHavoti-yayire kunye neKenati namaphandle azo, iilali ezingamashumi amathandathu zizonke. Bonke aba bantu babeyinzala kaMakire uyise kaGiliyadi.

24 Emva kokusweleka kukaHezeron eKalebhi yase-Efrata, umka-Hezeron uAbhiya wamzalela uAshure ukhokho weTekowa.

Inzala kaJerameli

25 Oonyana bakaJerameli, amazibulo kaHezeron, nguRam owamazibulo, noBhuna, no-Oren, no-Ozem, noAhiya.

26 UJerameli ebenomnye umfazi ogama linguAtara, owayengunina kaOnam.

27 Oonyana bakaRam, amazibulo kaJerameli, nguMazi, noTamin, noEkere.

28 Oonyana bakaOnam nguShamayi noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi noAbhishure.

29 Umka-Abhishure nguAbhihayili owazala uAbhan noMolidi.

30 Oonyana bakaNadabhi nguSelede noApayim. USelede wafa engenamntwana.

31 Unyana ka-Apayim nguIshi, uyise kaSheshan owazala uAlayi.

32 Oonyana bakaYada, umntakwabo-Shamayi, nguYetere noJonatan. UYetere wafa engenamntwana.

33 Oonyana bakaJonatan nguPelete noZaza. Bonke aba ke yinzala kaJerameli.

34 USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. Ebenesicaka esingumJiputa esigama linguYar-ha.

35 Ke uSheshan wendisela intombi yakhe kwisicaka sakhe uYar-ha yaza yazala uAtayi.

36 UAtayi wazala uNatan, uNatan wazala uZabhadi,

37 uZabhadi wazala uEflali, uEflali wazala uObhedi,

38 uObhedi wazala uYehu, uYehu wazala uAzariya,

39 uAzariya wazala uHeleze, uHeleze wazala uElasa,

40 uElasa wazala uSisamayi, uSisamayi wazala uShalum,

41 uShalum wazala uYekamiya, uYekamiya wazala uElishama.

Inzala kaKalebhi

42 Amazibulo kaKalebhi, umntakwabo-Jerameli, nguMesa. UMesa wazala uZifi, uZifi wazala uMaresha, ukhokho weHebron.

43 Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

44 UShema wazala uRaham, uyise kaYokeham. URekem yena wazala uShamayi.

45 UShamayi wazala uMahon, ukhokho weBhete-zure.

46 UKalebhi wayeneqadi elinguHefa elazala uHaran, noMoza, noGazeze. UHaran wazala uGazeze.(

47 Oonyana bakaYadayi nguRegem, noJotam, noGeshan, noPelete, noHefa, noShahafe.)

48 UKalebhi wayenelinye iqadi elinguMahaka elazala uShebhere noTirana.

49 Liphinde lazala uShahafe, ukhokho weMademana, noSheva, ukhokho weMakebhena neGibheya. Intombi kaKalebhi nguAkesa.

50 Naba balandelayo bakwayinzala kaKalebhi:Oonyana bakaYuri, amazibulo kaEfrata, nguShobhali ukhokho weKiriyati-yarim.

51 Ubuye wazala uSalma ukhokho weBhetelehem, waza wazala noHarete ukhokho weBhete-gadere.

52 Inzala kaShobhali, ukhokho weKiriyati-yarim, ngabantu baseHarowe necandelo labantu baseManati,

53 kwakunye nezindlu zaseKiriyati-yarim ezingamaItri, amaPuti, amaShumati, namaMisherayi. Aphuma apha amaZorati namaEshtawoli.

54 Inzala kaSalma ngabantu baseBhetelehem, nabaseNetofa, nabaseAteroti-bhete-jowabhi, nelinye icandelo labantu baseManati amaZori.

55 Ukwangukhokho wezindlu zababhali ababehlala eYabheze: amaTira, amaShimeya, namaSuka. La ngamaKeni ayinzala kaHamati ukhokho weBhete-rekabhi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29