1 Yeziganeko 25 XHO96

Iimvumi zendlu kaThixo

1 Ukumkani uDavide, ekunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, wachonga abathile koonyana baka-Asafu, nabakaHeman, nababakaJedutum, wabanika umsebenzi wokushumayela bekhalisa iihapu nemirhubhe namacangci. Nanga ke amadoda awayephethe lo msebenzi:

2 Koonyana baka-Asafu nguZakure, noJosefu, noNetaniya, noAsharela. Babeshumayela ngokomyalelo kakumkani, bephethwe nguAsafu.

3 Koonyana bakaJedutun nguGedaliya, noZeri, noYeshaya, [noShimeyi], noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu. Babephethwe nguyise uJedutun, owayeshumayela esebenzisa ihapu ukubulela nokudumisa *uNdikhoyo.

4 Koonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noJerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMaziyoti.

5 Bonke aba babengoonyana bakaHeman *umshumayeli kakumkani. Wayebanikwe ngokwesithembiso sikaThixo sokuphakamisa isidima sakhe. Ewe, uThixo wanika uHeman oonyana abalishumi elinane neentombi ezintathu.

6 Ngokomyalelo kakumkani onke la madoda ayephethwe ngooyise uAsafu, noJedutun, noHeman. Ayevuma enkonzweni endlwini kaNdikhoyo, enamacangci nemirhubhe neehapu.

7 Inani lawo, ekunye nabantakwawo ababeqeqeshelwe iingoma zikaNdikhoyo, lalingamakhulu amabini anamashumi asibhozo anesibhozo.

8 Xa bawabayo umsebenzi benza *amaqashiso, kungekho ukhethe phakathi komncinane nomkhulu, ngokunjalo nokwaziyo nosaqeqeshwayo.

9 Nazi iziphumo zamaqashiso malunga nokulandelelana kwamathuba okusebenza kwamaqela:elokuqala: elikaJosefu umAsafu,elesibini: elikaGedaliya,

10 elesithathu: elikaZakure,

11 elesine: elikaIzeri,

12 elesihlanu: elikaNetaniya,

13 elesithandathu: elikaBhukiya,

14 elesixhenxe elikaYesharela,

15 elesibhozo: elikaYeshaya,

16 elethoba: elikaMataniya,

17 eleshumi: elikaShimeyi,

18 eleshumi elinanye: elika-Azarele,

19 eleshumi elinambini: elikaHashabhiya,

20 eleshumi elinesithathu: elikaShubhayeli,

21 eleshumi elinesine: elikaMatitiya,

22 eleshumi elinesihlanu: elikaYeremoti,

23 eleshumi elinesithandathu: elikaHananiya,

24 eleshumi elinesixhenxe: elikaYoshebhekasha,

25 eleshumi elinesibhozo: elikaHanani,

26 eleshumi elinethoba: elikaMaloti,

27 elamashumi amabini: elikaEliyata,

28 elamashumi amabini ananye: elikaHotire,

29 elamashumi amabini anambini: elikaGidaleti,

30 elamashumi amabini anantathu: elikaMaziyoti,

31 elamashumi amabini anane: elikaRomamti-ezere.Iqela ngalinye beliba namadoda alishumi elinambini, liphantsi kwenkokheli yalo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29