1 Yeziganeko 9 XHO96

Abantu ababuye ekuthinjweni

1 AmaSirayeli onke adweliswa ngokwemilibo yawo encwadini yookumkani bakwaSirayeli.AmaJuda athinjwa, asiwa eBhabheli, ngenxa yokunganyaniseki kwawo.

2 Abokuqala ababuya ekuthinjweni bangena balanda ilifa labo ngamaSirayeli athile, nababingeleli, nabaLevi, nabasebenza endlwini kaThixo.

3 Bekukho abendlu kaJuda, nabendlu kaBhenjamin, nabendlu kaEfrayim nekaManase ababehlala eJerusalem.

4 Nazi iinkulu zabendlu kaJuda ababehlala eJerusalem: Kwinzala kaPereze, unyana kaJuda, inkulu ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani.

5 Kwindlu kaShela inkulu nguAsaya izibulo, noonyana bakhe.

6 Kwindlu kaZera inkulu nguJeweli. Bebonke abantu bendlu yakwaJuda babengamakhulu amathandathu anamashumi alithoba.

7 Nazi iinkulu zamaBhenjamin awayehlala eJerusalem: nguSalu kaMeshulam kaHodaviya kaHasenuwa;

8 uIbheneya kaJeroham; uEla kaUzi kaMikri; noMeshulam kaShefatiya kaRuweli kaIbheniya.

9 La madoda ke ayeziinkulu zezindlu zakowawo. Ewonke la maBhenjamin ayengamakhulu alithoba anamashumi amahlanu anantandathu.

Ababingeleli ababemi eJerusalem

10 Naba ababingeleli ababehlala eJerusalem: nguYedaya, uJoyaribhi, uJakin,

11 uAzariya kaHilekiya kaMeshulam kaZadoki kaMerayoti ka-Ahitubhi, owayeligosa elikhulu lendlu kaThixo,

12 uAdaya kaJehoram kaPashure kaMalekiya, noMasayi ka-Adiyeli kaYazera kaMeshulam kaMeshilemiti kaImere.

13 Ababingeleli ababeziinkulu zezindlu babeliwaka elinamakhulu asixhenxe anamashumi amathandathu. Babeziingcungela kumsebenzi wendlu kaThixo.

14 Naba abaLevi ababehlala eJerusalem: nguShemaya kaHashubhi ka-Azerikam kaHashabhiya, wendlu kaMerari,

15 uBhakebhakare, uHerese, uGalali, uMataniya kaMika kaZikri ka-Asafu,

16 uObhadiya kaShemaya, kaGalali kaJedutun, noBherekiya ka-Asa kaElikana, owayehlala kwiilali zamaNetofa.

Abagcini-masango

17 Naba abagcini-masango bendlu kaThixo ababehlala eJerusalem: nguShalum, noAkubhi, noTalmon, noAhiman, nabantakwabo. Intloko yabo ibinguShalum.

18 Unangoku basagada isango elingasempumalanga, elo adla ngokungena ngalo ukumkani. Mandulo babegada amasango eekampu zabaLevi.

19 UShalum unyana kaKore, unyana ka-Abhiyasafu, unyana kaKora, kunye namawabo amaKora, wayephathiswe umsebenzi wokugada amasango endlu kaThixo kanye njengoko ookhokho babo babegada isango lentente esisibingelelo *sikaNdikhoyo.

20 Mandulo uFineyasi, unyana kaElazare, wayebongamele abagcini-masango, yaye uNdikhoyo wayenaye.

21 UZekariya, unyana kaMeshelemiya, naye wayengumgcini-sango kwindlu kaNdikhoyo.

22 Bebonke abagcini-masango bendlu kaThixo babengamakhulu amabini aneshumi elinesibini. Babebalwa ngokwemimandla abahlala kuyo. Ookhokho babo babenikwe uxanduva lokuba ngabagcini-masango ngukumkani uDavide nomshumayeli uSamweli, kuba babengamadoda athembekileyo.

23 Bona nenzala yabo babesoloko ke begada amasango endlu kaNdikhoyo.

24 Babegada amasango kumacala omane; empumalanga nasentshonalanga, ngasentla nangasezantsi.

25 Aba bagadi babencediswa ngamawabo asezilalini awayedla ngokuza kubabambela iintsuku zibe sixhenxe.

26 Bekukho abaLevi abane abangabaphathi babagadi. Bona babethenjiwe, begada amagumbi noovimba bendlu kaThixo.

27 Ebusuku babelala kufuphi nendlu kaThixo, ukuze bayaluse, baze bayivule yonke intsasa.

Abanye abaLevi

28 Abanye kubaLevi babephethe ubugcwabalala obusetyenziswayo xa kunqulwa. Yonke into ephumayo babeyibhala, baphinde benjenjalo naxa ibuyayo.

29 Abanye babephethe yonke enye impahla yendlu kaThixo, kunye nomgubo wengqolowa, newayini, namafutha omnquma, nentlaka yokuqhumisa, neziqholo.

30 Umsebenzi wokucola iziqholo wona ubuphethwe ngababingeleli.

31 UMatitiya, omnye wabaLevi, owayelizibulo likaShalum umKora, wayephathiswe uxanduva lokosa izonka zomnikelo.

32 Kumawabo amaKohati bekukho aphathiswe umsebenzi wokosa izonka ebezibekwa etafileni *ngeMihla yokuPhumla.

33 Iintloko zezindlu zabaLevi eziziimvumi bezihlala emagumbini endlwini kaThixo, zingaphathiswanga wumbi umsebenzi, kuba uxanduva lweengoma beluphethwe zizo emini nasebusuku.

34 Zizo ezi ke iintloko zezindlu zabaLevi ezaziziinkulu ezihlala eJerusalem.

Ookhokho bakaSawule nenzala yakhe

35 UYehiyeli, ukhokho weGibheyon, wayehlala khona. Igama lomkakhe nguMahaka.

36 Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNere, uNadabhi,

37 uGedore, uAhiyo, uZekariya, noMikeloti.

38 UMikeloti wazala uShimeya. Nabo nenzala yabo bebehlala eJerusalem ngakumawabo.

39 UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi noEshbhali.

40 UJonatan wazala uMeribhali, uMeribhali wazala uMika.

41 Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya,

42 noAhazi owazala uYara. UYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri, waza uZimri wazala uMoza,

43 uMoza wazala uBhineya, uBhineya wazala uRefaya, uRefaya wazala uElasa, uElasa wazala uAzele.

44 UAzele ebenoonyana abathandathu. Amagama abo nguAzerikam, uBhokeru, uIshmayeli, uShariya, uObhadiya, noHanan.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29