1 Yeziganeko 5 XHO96

Inzala kaRubhen

1 Naba oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli. (Ke wahluthwa ubuzibulo bakhe kuba wasixabhela isilili sikayise, baza ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaJosefu unyana kaSirayeli. Emilibeni yokuzalwa akasabalwa ke ukuba ungowamazibulo.

2 Ke ngoko, nangona uJuda athe wabalasela kunabantakwabo kangangokuba kwada kwaphuma ukumkani kuye, bona ubuzibulo banikwa uJosefu.)

3 Naba ke oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli: nguHanoki, uPalu, uHezeron, noKarmi.

4 Nantsi inzala kaYoweli. UYoweli wazala uShemaya, uShemaya wazala uGogi, uGogi wazala uShimeyi,

5 uShimeyi wazala uMika, uMika wazala uRaya, uRaya wazala uBhali,

6 uBhali wazala uBheyera owafuduswa nguTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya. UBheyera lo ebesisikhulu samaRubhen.

7 Nazi iintloko zendlu yakwaRubhen ngokokulandwa komlibo wokuzalwa: nguYehiyeli, noZekariya,

8 noBhela unyana ka-Azazi kaShema kaYoweli. Aba babemi eArohere kuye eNebho naseBhali-meyon.

9 Imfuyo yabo yanda ezweni laseGiliyadi, baza banabela empumalanga, baya kuma emacaleni entlango ethabathela emlanjeni iEfrati.

10 Ngemihla kaSawule amaRubhen aqhwaya imfazwe, alwa namaHagri, aza awoyisa. Ayithimba ke imizi yamaHagri kuwo wonke umhlaba ongakwimpuma yeGiliyadi.

Inzala kaGadi

11 Oonyana bakaGadi babemelene nabakaRubhen ezweni laseBhashan ukuya kutsho eSaleka.

12 Indlu enkulu yayiyekaJoweli eBhashan, kulandele ekaShafam, ekaJanayi nekaShafati.

13 Ezinye izindlu yayizezi: ekaMikayeli, ekaMeshulam, ekaShebha, ekaJorayi, ekaYakan, ekaZiya, nekaHebhere, zisixhenxe zizonke.

14 Babeyinzala ka-Abhihayili, unyana kaYuriyi, kaYarowa, kaGiliyadi, kaMikayeli, kaYeshishayi, kaYado, kaBhuzi.

15 UAhi, unyana ka-Abhediyeli kaGuni, wayeyintloko yezi zindlu.

16 AmaGadi la ayemi eGiliyadi naseBhashan nasezilalini zalapho nasemadlelweni aseSharon onke.

17 Bonke aba babalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaJuda nangemihla kaJerobhowam ukumkani wakwaSirayeli.

Umkhosi wezizwe zangaphesheya kweJordan

18 AmaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase ayenamadoda angamashumi amane anesine amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamashumi amathandathu, akufaneleyo ukuphuma umkhosi. La madoda ayengamakroti aqeqeshelwe umkhosi, ekuqhelile ukusebenzisa ikhaka nekrele nokudubula ngeentolo.

19 Lo mkhosi waya emfazweni walwa nezizwe zamaHagri ezingamaJeture, namaNafishi, namaNodabhi.

20 Umkhosi lo wawukholose ngoThixo, waza wathandazela ukuncedwa nguye ekulweni. Wawuva ke uThixo umthandazo wawo, wawuncedisa emfazweni, oyiswa amaHagri nabo bonke ababekunye nawo.

21 Yathinjwa ke impahla yamaHagri: iinkamela ezingamawaka amashumi mahlanu, iigusha ezimawaka amakhulu mabini anamashumi mahlanu, needonki ezingamawaka amabini. Ngaphezu koko bathimba nabantu abalikhulu lamawaka.

22 Kwabulawa amaHagri amaninzi, kuba loo mfazwe yayiphuma kuThixo. AmaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase ahlala ezikhundleni zamaHagri ada athinjwa.

Isiqingatha sesizwe sakwaManase

23 Isiqingatha sesizwe sakwaManase sande saba ngabantu abaninzi. Imida yabo ibithabathele eBhashan, ise eBhali-hermon, naseSenire, nasentabeni yeHermon.

24 Nazi iintloko zezindlu: nguHefere, uIshi, uEliyeli, uAzeriyeli, uJeremiya, uHodaviya, noYadiyeli. Babengamagorha anobukroti, amadoda anegama, eziintloko zezindlu zakumawawo.

Ukuthinjwa kwezizwe zangaphesheya kweJordan

25 Kambe ke amaRubhen namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase zange athembeke kuThixo wooyise, koko amlahla akhonza *oothixo bezizwe zelo zwe, ezo uThixo wazitshabalalisayo ukuze angene endaweni yazo.

26 Ke ngoko uThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli ukumkani waseAsiriya (lo ukwabizwa ngokuba nguTigelate-pilezere) wazifudusa ezi zizwe, wazisa eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni iGozan, apho zisekhona unanamhla.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29