1 Yeziganeko 6 XHO96

Inzala yababingeleli abakhulu

1 Oonyana bakaLevi nguGershon, noKohati, noMerari.

2 Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.

3 Abantwana baka-Amram ngooAron, noMosis, noMiriyam. Oonyana baka-Aron ngooNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.

4 UElazare wazala uFineyasi, uFineyasi wazala uAbhishuwa,

5 uAbhishuwa wazala uBhuki, uBhuki wazala u-Uzi,

6 u-Uzi wazala uZeraya, uZeraya wazala uMerayoti,

7 uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,

8 uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimazi,

9 uAhimazi wazala uAzariya, uAzariya wazala uYohanan.

10 UYohanan wazala uAzariya lo wayengumbingeleli ngexesha lokwakhiwa kwendlu kaThixo nguSolomon eJerusalem.

11 UAzariya wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,

12 uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uShalum,

13 uShalum wazala uHilekiya, uHilekiya wazala uAzariya,

14 uAzariya wazala uSeraya, uSeraya wazala uYozadaki.

15 UYozadaki lo wafuduswa nabemi bakwaJuda neJerusalem basiwa ekuthinjweni ngokuya *uNdikhoyo wayebathumele ngoNebhukadenezare.

Enye inzala kaLevi

16 Oonyana bakaLevi nguGershon, noKohati, noMerari.

17 Naba oonyana bakaGershon: nguLibheni noShimeyi.

18 Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.

19 Oonyana bakaMerari nguMali noMushi.Nazi iinkulu zezindlu zabakwaLevi ngokuzana kwazo izizukulwana ngezizukulwana:

20 Kwindlu kaGershon inkulu nguLibheni, ibe nguYahati, uZima,

21 uJowa, uIdo, uZera, noYaterayi.

22 Kwindlu kaKohati inkulu nguAminadabhi, ibe nguKora, uAsire,

23 uElikana, uAbhiyasafu, uAsire,

24 uTahati, u-Uriyeli, u-Uziya, noShawule.

25 Kwindlu kaElikana ngoonyana bakhe ooAmisayi noAhimoti,

26 ibe ngunyana ka-Ahimoti uElikana, ibe ngunyana wakhe uZofayi, ibe nguNahati,

27 uEliyabhi, uJeroham, uElikana, [noSamweli],

28 ibe ngoonyana bakaSamweli, [uJoweli] owamazibulo noAbhiya umninawa wakhe.

29 Kwindlu kaMerari inkulu nguMali, ibe nguLibheni, uShimeyi, u-Uza,

30 uShimeya, uHagiya, noAsaya.

Iimvumi

31 Aba ngâbo ukumkani uDavide wabaphathisa umbandela weengoma *esibingelelweni *sikaNdikhoyo emva kokuba ityesi yomnqophiso yazinziswa khona.

32 Babethwele uxanduva lokulungiselela ngeengoma kwisibingelelo esiyintente, wada ukumkani uSolomon wayakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem. Umsebenzi wabo babewuqhuba ngokwemiqathango abayibekelweyo.

33 Naba ke abebephathiswe iingoma noonyana babo: Kwindlu kaKohati umbhexeshi wekwayara enkulu ibinguHeman unyana koJoweli, kaSamweli,

34 kaElikana, kaJeroham, kaEliyeli, kaTowa,

35 kaZufi, kaElikana, kaMahati, ka-Amasayi,

36 kaElikana, kaJoweli, ka-Azariya, kaZefaniya,

37 kaTahati, ka-Asire, ka-Abhiyasafu, kaKora,

38 kaIzare, kaKohati, kaLevi, kaSirayeli.

39 Ikwayara enganeno ibibhexeshwa nguAsafu unyana kaBherekiya, kaShimeya,

40 kaMikayeli, kaBhaseya, kaMalekiya,

41 kaEteni, kaZera, ka-Adaya,

42 kaEtan, kaZima, kaShimeyi,

43 kaYahati, kaGershon, kaLevi.

44 Ikwayara yesithathu ibibhexeshwa nguEtan wendlu kaMerari. UEtan lo ebengunyana kaKishi unyana ka-Abhedi, kaMaluki,

45 kaHashabhiya, ka-Amaziya, kaHilekiya,

46 ka-Amazi, kaBhani, kaShemere,

47 kaMali, kaMushi, kaMerari, kaLevi.

48 Amawabo abaLevi ayephathiswe wonke umsebenzi ongomnye esibingelelweni nasendlwini kaThixo.

Inzala ka-Aron

49 UAron noonyana bakhe babenyusa amadini eqongeni lamadini atshiswayo, beqhumisela eqongeni leziqhumiso, besenza wonke umsebenzi weyona ndawo ingcwele endlwini kaThixo. Bebengxengxeza egameni lamaSirayeli ngokwemiyalelo yonke kaMosis isicaka sikaThixo.

50 Naba oonyana baka-Aron: uAron wazala uElazare, uElazare wazala uFineyasi, uFineyasi wazala uAbhishuwa,

51 uAbhishuwa wazala uBhuki, uBhuki wazala u-Uzi, u-Uzi wazala uZeraya,

52 uZeraya wazala uMerayoti, uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,

53 uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimahaze.

Imihlaba eyanikwa abaLevi

54 Nantsi imihlaba eyanikwa inzala ka-Aron wendlu yakwaKohati. Banikwe isabelo sokuqala kwiindawo ezabelwe abaLevi *ngeqashiso.

55 Banikwa iHebron ezweni lakwaJuda kunye namadlelo ayo.

56 Ke wona amasimi aseHebron kunye neelali eziyingqongileyo zanikwa uKalebhi unyana kaJefune.

57 Nazi ke iidolophu namadlelo azo ezanikwa oonyana baka-Aron: iHebron (eyayisisixeko sokuphephela), iLibhena, iYatire, iEshtamowa,

58 iHilen, iDebhiri,

59 iAshan, neBhete-shemeshe.

60 Esizweni sakwaBhenjamin banikwa ezi dolophu zinamadlelo azo: iGebha, iAlemete, neAnatoti. Zizonke ezi dolophu ezazinikwe amaKohati bezilishumi elinantathu.

61 Oonyana bakaKohati abaseleyo bazabelwa ngeqashiso iidolophu ezilishumi esiqingatheni sesizwe sakwaManase.

62 Oonyana bakaGershon ngokwezindlu zabo banikwa iidolophu ezilishumi elinantathu esizweni sakwaIsakare nasesizweni sakwaNafetali nakwicandelo lesizwe sakwaManase eliseBhashan.

63 Oonyana bakaMerari ngokwezindlu zabo bazabelwa ngeqashiso iidolophu ezilishumi elinambini esizweni sakwaRubhen nasesizweni sakwaGadi nasesizweni sakwaZebhulon.

64 Ke ngoko amaSirayeli anika abaLevi ezi dolophu zikhankanyiweyo zinamadlelo azo.

65 Kwizizwe zakwaJuda, nakwaSimon, nakwaBhenjamin bazifumana ngamaqashiso.

66 Ke izindlu ezithile zamaKohati zanikwa iidolophu ezinamadlelo esizweni sakwaEfrayim.

67 Kwiintaba zakwaEfrayim banikwa iShekem (eyayisisixeko sokuphephela), neGezere,

68 neYokemeham, neBhete-horon,

69 neAyalon, neGati-rimon.

70 Ke zona izindlu eziseleyo zamaKehati zanikwa iAnere neBhileham namadlelo azo esiqingatheni sesizwe sakwaManase.

71 AmaGershon wona abelwa ngolu hlobo: Kwisiqingatha sesizwe sakwaManase anikwa iGolan yaseBhashan neAshtaroti, zinamadlelo azo.

72 Kwisizwe sakwaIsakare anikwa iKadeshe, neDabherati,

73 neRamoti, neAnem, zinamadlelo azo.

74 Kwisizwe sakwa-Ashere anikwa iMashale, neAbhedon,

75 neHukoki, neRehobhi, zikunye namadlelo azo.

76 Kwisizwe sakwaNafetali anikwa iKedeshe yaseGalili, neHamon, neKiriyatayim, zinamadlelo azo.

77 Abaseleyo kubaLevi yayingoonyana bakaMerari. Bona banikwa ezi dolophu zilandelayo zinamadlelo azo: Kwisizwe sakwaZebhulon banikwa iRimon neTabhore.

78 Kwisizwe sakwaRubhen ngaphesheya kweJordan ngasempumalanga kweJeriko banikwa iBhezere esentlango, iYaza,

79 iKedemoti, neMefati.

80 Kwisizwe sakwaGadi banikwa iRamoti yaseGiliyadi, neMahanayim,

81 neHeshbhon, neYazere zinamadlelo azo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29