1 Yeziganeko 7 XHO96

Inzala kaIsakare

1 UIsakare wayenoonyana abane: uTola, uPuwa, uYashubhi, noShimron.

2 Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noJeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamweli. Babeziinkulu zezindlu zakwaTola. Ngemihla kaDavide amadoda akwaTola anokungena emkhosini ayengamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amathandathu.

3 Unyana kaUzi nguYezeraya. Oonyana baYezeraya nguMikayeli, no-Obhadiya, noJoweli, noIshiya. Bebonke yayiziinkulu zezindlu.

4 Babenabafazi noonyana abaninzi; inzala yabo ibingamadoda angamashumi amathathu anantandathu anokungena emkhosini.

5 Ewonke amaIsakare ezindlu ngezindlu anokungena emkhosini ayengamashumi asibhozo anesixhenxe samawaka.

Inzala kaBhenjamin

6 UBhenjamin wayenoonyana abathathu: uBhela, uBhekere, noYediyali.

7 UBhela wayenoonyana abahlanu abaziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti: uEzebhon, u-Uzi, u-Uziyeli, uJerimoti, noIri. Inzala yabo ibingamadoda angamashumi anambini amawaka anamashumi amathathu anane anokungena emkhosini.

8 Naba oonyana bakaBhekere: nguZemira, noYowashe, noElizere, noEliyohenayi, no-Omri, noJeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlemete.

9 Inzala yabo ngokwezindlu ibingamadoda angamashumi amabini amawaka anamakhulu amabini anokungena emkhosini.

10 UYediyali wazala uBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguJewushe, noBhenjamin, noEhude, noKenana, noZetan, noTashishe, noAhishare.

11 Oonyana bakaYediyali aba babeziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti. Inzala yabo ibilishumi elinesixhenxe lamawaka anamakhulu amabini amadoda anokungena emkhosini.

12 AmaShupim namaHupim yinzala kaIre, ke wona amaHushim yinzala ka-Ahere.

Inzala kaNafetali

13 UNafetali, unyana kaYakobi nomkakhe uBhiliha, wazala uGuni, noYezere, noShalum.

Inzala kaManase

14 UManase wayeneqadi elingumAramikazi elazala uAseriyeli noMakire uyise kaGiliyadi.

15 UMakire lo wathatha uMahaka udade boHupim noShupim. Omnye wenzala kaMakire nguZelofehadi owazala amantombazana kuphela.

16 Umka-Makire uMahaka wazala unyana awamthiya igama elinguPereshe. Umninawa wakhe nguShereshe, owazala u-Ulam noRakem.

17 U-Ulam lo wazala uBhedan. Yiyo leyo ke inzala kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase.

18 Udade boGiliyadi uHamolekete wazala uIshodi, noAbhiyezere, noMala.

19 Oonyana bakaShemida nguAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.

Inzala kaEfrayim

20 Nantsi inzala kaEfrayim. UEfrayim wazala uShutela, uShutela wazala uBheredi, uBheredi wazala uTahati, uTahati wazala uEliyada, uEliyada wazala uTahati,

21 uTahati wazala uZabhadi, uZabhadi wazala uShutela.Abanye oonyana bakaEfrayim, uEzere noEladi, babulawa xa babefuna ukuthimba imfuyo yabantu baseGati.

22 UEfrayim wabazilela ixesha elide oonyana bakhe abaswelekileyo, baza abazalana naye bafika bamkhuza.

23 Emva koko umkakhe wamitha, wazala unyana, waza uEfrayim wamthiya igama elinguBheriya, kuba indlu yakhe ibihlelwe lilishwa.

24 UEfrayim wazala nentombi enguShera. UShera lo wayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, wayakha neUzen-shera.

25 UEfrayim wazala nonyana onguRefa. URefa lo wazala uReshefe, uReshefe wazala uTela, uTela wazala uTahan,

26 uTahan wazala uLadan, uLadan wazala uAmihudi, uAmihudi wazala uElishama,

27 uElishama wazala uNune, uNune wazala uYoshuwa.

28 Umhlaba abema kuwo oonyana bakaEfrayim yiBhetele namaphandle ayingqongileyo. Ngasempumalanga umda ubuma ngeNaran, ngasentshona ume ngeGezere neelali eziyingqongileyo, uye kutsho naseShekem neelali zakhona, naseAya neelali zakhona.

29 Ngasemdeni wakwaManase ibiyiBhete-shehan, iTanaki, iMegido, iDore, neelali ezizingqongileyo. Kulapho yayimi khona inzala kaJosefu unyana kaSirayeli.

Inzala ka-Ashere

30 Nantsi inzala ka-Ashere: oonyana nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, nodade wabo uSera.

31 Oonyana bakaBheriya nguHebhere noMalkiyeli owazala uBhizaviti.

32 Ke yena uHebhere wazala uYafelete, noShemere, noHotam, nodade wabo uShuwa.

33 Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimehali, noAshevati.

34 Oonyana bakaShemere nguAhi noRoga, noYehubha, noAram.

35 Oonyana bomntakwabo-Shemere uHelem nguZofa, noImna, noSheleshe, noAmali.

36 Ke bona oonyana bakaZofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri, noImra,

37 noBhezere, noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhera.

38 Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra.

39 Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRiziya.

40 Bonke aba babeyinzala ka-Ashere. Babeziinkulu, bengamadoda akhethiweyo anobukroti, beziinkokheli ezinamagama. Bebonke babengamadoda angamashumi amabini anantandathu amawaka anokungena emkhosini.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29