1 Yeziganeko 19 XHO96

UDavide woyisa ama-Amon

1 Emva koko wafa ukumkani uNahashe wama-Amon, kwaza ke esikhundleni sakhe kwalawula unyana wakhe.

2 Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanun, unyana kaNahashe, kuba uyise wandenzela ububele.” Wathumela izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanun ngenxa kayise.Athe ke loo madoda akufika kuHanun kwelama-Amon, eze kumkhuza,

3 zasuka izikhulu zama-Amon zathi kuHanun: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; eze kuhlola eli lizwe ukuze akwazi ukulibhukuqa.”

4 UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula.

5 Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo kula madoda, wathumela izigidimi, zawahlangabeza, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.”

6 Ke kaloku aqonda ama-Amon ukuba azigqwalisile kuDavide, waza ke uHanun enama-Amon ephela bathumela amashumi amathathu anane amawaka eekhilogram zesiliva, ukuze kuqeshwe iingqwelo namajoni eAram-narayim, eAram-maka, naseZobha.

7 Baqesha amashumi amathathu anambini amawaka eenqwelo namajoni azo, kwakunye nokumkani waseMaka nomkhosi wakhe. Ke yena waza wafika wamisa ngaseMedeba; abe ke wona ama-Amon ecombuluka ephuma kuzo zonke iidolophu zawo, exhobele imfazwe.

8 Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha.

9 Ama-Amon aphuma akha uhlelo lokulwa ngasesangweni lesixeko. Baye ke bona ookumkani ababeze kuncedisa bethe gingqi bodwa phaya ethafeni.

10 Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram.

11 Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, aza ahlelwa loo madoda ajongana nama-Amon.

12 UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.

13 Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zoThixo wethu. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.”

14 UJowabhi namabutho akhe wafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.

15 Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wajika waya eJerusalem nomkhosi wakhe.

16 Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli ama-Aram, athumela amema ama-Aram aphesheya komlambo iEfrati; aza afika ekhokelwa nguShofaki injengele yomkhosi kaHadadizere.

17 Akuluva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan. Wathi ngqo kuwo, waza wakha uhlelo lwakhe ejongene nawo. Ewe, uDavide walwakha uhlelo lwakhe lwangqalana nama-Aram, zaza ke zanqoza.

18 Kambe ke ama-Aram aswantsuliswa ngamaSirayeli, waza uDavide wabulala isixhenxe samawaka amajoni eenqwelo, kunye namashumi amane amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Kananjalo wayibulala nenjengele yomkhosi wawo uShofaki.

19 Zonke iikumkani ezaziphantsi kukaHadadizere zathi zakuqonda ukuba ziyoyiswa ngamaSirayeli, zenza uxolo noDavide, zaba phantsi kwakhe.Ukususela oko ama-Aram akaphindanga avume ukuwanceda emfazweni ama-Amon.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29