1 Yeziganeko 18 XHO96

Uloyiso lukaDavide ezimfazweni

1 Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya wawoyisa, wayihlutha iGati namaphandle ayingqongileyo, ayabi sabakho phantsi kwamaFilistiya.

2 Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi, aza aba phantsi kwakhe, amnika imirhumo.

3 Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere, wamoyisa, wamsukelisa, waya kumfaka eHamati, xa kanye wayezama ukumilisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati.

4 UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.

5 Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo.

6 Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo apho konke ahamba khona.

7 UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayephathwa ngamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem.

8 Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neKun, uDavide wathimba intaphane yobhedu olwasetyenziswa nguSolomon xa wayesenza ichibi lobhedu, iintsika, kwanezinye izinto ezazenziwe ngobhedu.

9 Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyu iindaba zokoyiswa nguDavide komkhosi wokumkani waseZobha uHadadizere.

10 Wandulula unyana wakhe uHadoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyu. UHadoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.

11 Ezo zipho ke uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo ngesiliva negolide awayeyithimbe kuzo zonke ezi zizwe: amaEdom, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, nama-Amaleki.

12 Ke uAbhishayi unyana kaZeruya wabulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa.

13 Wamisa amabutho akhe e-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.

Amagosa kaDavide

14 Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe.

15 UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku.

16 Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uShavesha yena engunobhala.

17 UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengamaphakathi kakumkani aphambili.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29