1 Yeziganeko 4 XHO96

Inzala kaJuda

1 Oonyana bakaJuda nguPerezi noHezeron, noKarmi, noYuri, noShobhali.

2 URaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati, uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Zizo ezo ke izindlu zamaZora.

3 Oonyana bakaEtam nguYizereli, noIshma, noIdebhashe. Igama lodade wabo nguHazeleleponi.

4 UPenuweli, ukhokho weGedore, kunye noEzere, ukhokho weHusha, babeyinzala kaYuri, owayengamazibulo kamka-Kalebi uEfrata, ukhokho weBhetelehem.

5 UAskure, ukhokho weTekowa, wayenabafazi ababini, uHela noNahara.

6 UNahara wazala uAhuzam, noHefere, noTemani, noHashatari.

7 Oonyana bakaHela nguZerete, noZohare, noEtenan,

8 noKozi owazala uAnubhi, noZobhebha, nendlu ka-Aharele unyana kaHarum.

9 UYabheze wayedumile kunabantakwabo. Unina wamthiya eli gama linguYabheze esithi: “Kaloku ndimzele ngokubulaleka yintlungu yenimba.”

10 UYabeze lo wazibika kuThixo wakwaSirayeli, wathi: “Ngamana wandithamsanqelisa, wawandisa umhlaba wam. Nceda ube nam, undikhusele ebubini, ukuze ndingafi yintlungu.” Ke uThixo wamenzela loo nto ayicelileyo.

Izindlu

11 UKelubhi, umntakwabo-Shuwa, wazala uMeyire, uyise kaEshton.

12 UEshton wazala uBhete-rafa, noPaseha, noTehina, ukhokho weIre-nahashe. Yinzala yala madoda ke emi eReka.

13 Oonyana bakaKenazi nguOteniyeli noSeraya. UOteniyeli wazala uHatati [noMeyonotayi],

14 uMeyonotayi wazala uOfra. Ke uSeraya wazala uJowabhi, ukhokho weGeharashim, eyabizwa ngeli gama kuba abantu balapho babeziingcibi.

15 Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, nguIru, noEla, noNaham. Unyana kaEla nguKenazi.

16 Naba oonyana bakaYehaleleli: nguZifi, uZifa, uTiriya, noAsareli.

17-18 Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. UMerede wathatha uBhitiya, intombi yokumkani waseJiputa, baza bazala intombi enguMiriyam noonyana abanguShamayi noIshbha. UIshba lo ngukhokho weZanowa. UMerede wathatha iqadi kwindlu yakwaJuda, lazala uJerede ukhokho weGedore, noHebhere ukhokho weSoko, noYekutiyeli ukhokho weZanowa.

19 UHodiya wathatha udade boNaham, ukhokho weKehila. Oonyana bakhe nguGarmi noEshtemowa waseMahaka.

20 Naba oonyana bakaShimon: nguAmnon, uRina, uBhen-rhanana, noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZoyeti noBhen-zoyeti.

Inzala kaShela

21 Oonyana bakaShela, unyana kaJuda, nguEre ukhokho weLeka, noLada ukhokho weMaresha, nezindlu zabasebenza ilineni eBhete-ashbheya,

22 noYokim, nabemi baseKozebha, noYowashe, noSarafe, ababeziziphathamandla eMowabhi naseYashubhi-lehem. Ke ezi zizinto zakudala.

23 Babengababumbi bezinto zomdongwe. Babehlala nokumkani eNetayim naseGedera, bemsebenzela.

Inzala kaSimon

24 Naba oonyana bakaSimon: nguNemuweli, noJamin, noYaribhi, noZera, noShawule.

25 UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma.

26 Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi.

27 UShimeyi wayenoonyana abalishumi elinantandathu neentombi ezintandathu, kodwa abantakwabo-Shimeyi ababanga nabantwana abaninzi. Ke ngoko indlu yakwaSimon ayandanga njengendlu yakwaJuda.

28 Babehlala eBheshebha, naseMolada, naseHazare-shuwali,

29 naseBhileha, nase-Ezem, naseToladi,

30 naseBhetuweli, naseHoma, naseZikelage,

31 naseBhete-markabhoti, naseHazare-susim, naseBhete-bhiri, naseSharayim. Zizo ezo ke iilali apho yayihlala khona indlu yakwaSimon de uDavide waba ngukumkani.

32 Babehlala nakwezinye iindawo ezintlanu: e-Etam, eAyin, eRimon, eToken, naseAshan,

33 kwanasezilalini eziphahle ezo ndawo, kude kuye kutsho kwaBhali. Zizo ezo ke iindawo ababehlala kuzo, begcina imilibo yokuzalwa.

34 Nazi ke iintloko zezindlu: UMeshobhabhi; noYamleki; noYosha, unyana ka-Amaziya;

35 noYoweli; noYehu, unyana kaYoshibhiya kaSeraya ka-Asiyeli;

36 noEliyohenayi; noYakobha; noYeshohaya; noAsaya; noAdiyeli; noJesimiyeli; noBhenaya;

37 noZiza, unyana kaShifi ka-Alon kaYedaya kaShimri kaShemaya.

38 Ke izindlu zabo zanaba kunene,

39 bada baya ngasemacaleni eGedore, beyifunela amadlelo impahla yabo empumalanga entilini yalapho.

40 Bafumana amadlelo atyebileyo amahle, ethe thabalala. Elo lizwe lalizolile, lonwabile. Kudala kwakumi amaHam apho.

41 Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda la madoda akhankanyiweyo afika awahlasela amaHam ezindlwini zawo, kwakunye namaMehun awayelapho, aza awatshabalalisa kwaphela, njengoko kusenjalo nangoku. Ahlala ezikhundleni zawo ke, kuba amadlelo alapho ebeyifanele impahla yawo.

42 Kuwo la maSimon kwaphuma amadoda angamakhulu amahlanu, aya kuhlasela eleentaba lase-Edom. Ayephantsi koPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi.

43 Baxabela amasalela ama-Amaleki awayesindile, baza bahlala khona unanamhla.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29