1 Yeziganeko 16 XHO96

1 Bahamba nayo ityesi kaThixo, bayibeka ngaphakathi kwintente eyenzelwe yona nguDavide, baza ke benzela uThixo amadini atshiswayo nawobudlelwane.

2 Uthe akugqiba ukwenza loo madini atshiswayo nawobudlelwane uDavide wacelela abantu amathamsanqa kuNdikhoyo.

3 Kamva ke wonke umSirayeli, indoda nomfazi, wamnika iqebengwana lesonka nesuntswana leedatile neleerasentyisi.

4 Wamisela abaLevi abathile ukuze balungiselele phambi koNdikhoyo, benze izikhungo, imibulelo, neendumiso zokubonga uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

5 Babekhokelwa nguAsafu, isekela inguZakariya, kulandela uYehiyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, uMatitiya, uEliyabhi, uBhenaya, uObhedi-edom, noYehiyeli. Babeza kukhalisa imirhubhe neehapu, uAsafu abethe amacangci,

6 ababingeleli uBhenaya noYaziyeli bona bavuthele amaxilongo njalo-njalo apho phambi kwetyesi yomnqophiso kaThixo.

Umhobe wokubulela

7 Ngaloo mini ke uDavide wanikela lo mhobe wokubulela *uNdikhoyo kuAsafu namahlakani akhe:

8 Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.

9 Mombeleleni, mbongeni,zixeleni izintw' ezimangalisayo asenzele zona!

10 Qhayisani ngegama lakhe elilodwa;mabachwayite abo bamnqulayo uNdikhoyo!

11 Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

12 Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:imimiselo ayenzileyo, nemithetho ayiwisileyo.

13 Nina niyinzala yesicaka sakhe uSirayeli,nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.

14 UThixo wethu nguNdikhoyo;yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.

15 Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.

16 Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,kwanesifungo asenze kuIsake.

17 Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphele uSirayeli,

18 esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo esililifa lakho.”

19 Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.

20 Babebhadula kumazwe ngamazwe,besuka kolunye ulawulo baye kolunye.

21 Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.

22 Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise *abashumayeli bam.”

23 Mombeleleni uNdikhoyo, hlabathi lonke,zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.

24 Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.

25 Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu.Ufanelwe kukoyikwa ngaphezu kwezithixo zonke,

26 kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.

27 Yena unesihomo nesithozela;kukho ubungangamsha nemincili ekhayeni lakhe.

28 Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.

29 Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, nize phambi kwakhe.Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela.

30 Malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe;nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.

31 Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi.Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani.

32 Gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo.

33 Mayombele imithi emahlathini, ibe nemihlali phambi koNdikhoyo,kuba uyeza uNdikhoyo – uza kuligweba ihlabathi.

34 Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.

35 Hlahlambani nithi: “Sisindise, Thixo onguMsindisi wethu!Siqokelele usihlangule phakathi kweentlanga,ukuze sikubulele, silibonge igama lakho elingcwele.”

36 Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayelikususela ngoku kude kube nini-nini!Ke kaloku bonke abantu bathi: “Huntshuu! Makabongwe uNdikhoyo!”

Unqulo eJerusalem naseGibheyon

37 Ke kaloku uDavide wamshiya apho phambi kwetyesi kaNdikhoyo uAsafu namahlakani akhe ukuze basoloko belungiselela ngokweemfuneko zemini nganye.

38 Kananjalo wamshiya no-Obhedi-edom namahlakani akhe angamashumi amathandathu ukuze nabo balungiselele. UObhedi-edom, unyana kaJedutun, kunye noHosa, yayingabagcini-masango.

39 Umbingeleli uZadoki namahlakani akhe uDavide wabashiya esibingelelweni sikaNdikhoyo kwindawo yonqulo eGibheyon,

40 ukuze bahlale besenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo kwelo qonga lamadini atshiswayo, loo nto ke beyenza kusasa, nasemalanga, ngokwemimiselo yonke ebhalwe encwadini yomthetho kaNdikhoyo leyo wayinikezela kuSirayeli.

41 Apho kubo ke washiya noHeman noJedutun nabo bonke ababenyuliwe bakhankanywa ukuze benze imibulelo kuNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo.

42 UHeman noYedutun ngabo ababemiselwe ukuhlokomisa amaxilongo namacangci kananjalo badlale nezinye izikhalisi zeengoma zokudumisa uThixo. Ke bona oonyana bakaYedutun bamiselwa isango.

43 Ke kaloku bonke abantu bemka, yangulowo nalowo wagoduka. NoDavide ke wagoduka, waya kuthamsanqela usapho lwakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29