1 Yeziganeko 27 XHO96

Umkhosi kaDavide

1 Nguwo lo umkhosi wamaSirayeli: Bekukho amabutho alishumi elinambini, ibutho ngalinye liba namadoda angamashumi amabini anane amawaka. Amabutho la ayebolekisana ukwenza umsebenzi wakomkhulu inyanga nganye enyakeni. Bekukho iinkulu zezindlu, neengqwayi-ngqwayi, nezithwala-ndwe, noonobhala, bebonke besenza umsebenzi wakomkhulu.

2-3 Nazi ke iingqwayi-ngqwayi zala mabutho alishumi elinambini (ibutho ngalinye belinamadoda angamashumi ambini anane amawaka):inyanga yokuqala: ingqwayi-ngqwayi yayinguYashobham unyana kaZabhediyeli wendlu kaPerezi;

4 inyanga yesibini: nguDodayi umAhohi, osekela lakhe belinguMikeloti;

5 inyanga yesithathu: nguBhenaya unyana wombingeleli uJoyada

6 owayeyinkokheli yeqela lamagorha angamashumi amathathu – isekela lakhe belingunyana wakhe uAmizabhedi;

7 inyanga yesine: nguAsayeli umninawa kaJowabhi, owalandelwa ngunyana wakhe uZebhadiya;

8 inyanga yesihlanu: nguShamuti umIzare;

9 inyanga yesithandathu: nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa;

10 inyanga yesixhenxe: nguHeleze umEfrayim wasePelon;

11 inyanga yesibhozo: nguSibhekayi umZera waseHusha;

12 inyanga yethoba: nguAbhiyezere umBhenjamin waseAnatoti;

13 inyanga yeshumi: nguMarayi umZera waseNetofa;

14 inyanga yeshumi elinanye: nguBhenaya umEfrayim wasePiraton;

15 inyanga yeshumi elinambini: nguHeledayi waseNetofa oyinzala kaOteniyeli.

Izibonda zezizwe zakwaSirayeli

16 Nazi izibonda zezizwe zakwaSirayeli:kwaRubhen yayinguElizere unyana kaZiki;kwaSimon yayinguShefatiya unyana kaMahaka;

17 kwaLevi yayinguHashabhiya unyana kaKemuweli;kwa-Aron yayinguZadoki;

18 kwaJuda yayinguElihu umntakwabo-Davide;kwaIsakare yayinguOmri unyana kaMikayeli;

19 kwaZebhulon yayinguIshmaya unyana kaObhadiya;kwaNafetali yayinguJerimoti unyana ka-Azeriyeli;

20 kwaEfrayim yayinguHosheya unyana ka-Azaziya;kwisiqingatha sesizwe sikaManase yayinguYoweli unyana kaPedaya;

21 kwisiqingatha sesizwe sikaManase esiseGiliyadi: yayinguIdo unyana kaZakariya;kwaBhenjamin yayinguYasiyeli unyana ka-Abhinere;

22 kwaDan yayinguAzareli unyana kaJeroham.Zizo ezo ke izibonda zezizwe zakwaSirayeli.

23 Ukumkani uDavide zange ababale abafana abaminyaka imashumi mabini nangaphantsi, kuba uNdikhoyo wayethembise ukuwandisa amaSirayeli abe ngangeenkwenkwezi esibhakabhakeni.

24 Phofu uJowabhi unyana kaZeruya walinga ukuwabala, kodwa zange agqibe. Ingqumbo kaThixo yawahlela amaSirayeli ngenxa yolu balo, kwaza kwayekwa amanani engekabhalwa engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.

Abaphathi ngabaphathi bakomkhulu

25 Naba abalawuli bobutyebi bakomkhulu:uAzemavete unyana ka-Adiyeli wayelawula oovimba bakomkhulu;uJonatan unyana kaUziya: oovimba abasemaphandleni, noovimba abasezidolophini, noovimba abasezilalini, noovimba bomkhosi;

26 uEzri unyana kaKelubhi: amasimi;

27 uShimeyi waseRama: izidiliya;uZabhedi waseShifemoti: izisele zewayini;

28 uBhali-hanani waseGedore: iminquma nemithombe esezintilini;uYowashe: izisele zamafutha omnquma;

29 uShitrayi waseSharon: iinkomo ezikumadlelo aseSharon;uShafati unyana ka-Adelayi: iinkomo ezisezintilini;

30 uObhili umIshmayeli: iinkamela;uYedeya waseMeroniti: iidonki;

31 uYozizi umHagri: iigusha neebhokhwe.Bonke aba babephathiswe impahla kakumkani uDavide.

Amaphakathi kaDavide

32 UJonatan, uyisekazi kaDavide, ebeliphakathi. Wayeyindoda ekrele-krele efundileyo. Yena noYehiyeli unyana kaHakimoni babengabaqeqeshi boonyana bakakumkani.

33 UAhitofele ebeliphakathi likakumkani. UHushayi umArki wayengumhlobo kakumkani.

34 Emva kokusweleka kuka-Ahitofele uJoyada unyana kaBhenaya noAbhiyatare baba ngamaphakathi. Injengele yomkhosi kakumkani yayinguJowabhi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29