1 Yeziganeko 26 XHO96

Abagcini-masango bendlu kaThixo

1 Nazi iintloko zamaqela abagcini-masango endlu kaThixo: KumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore wendlu ka-Asafu.

2 UMeshelemiya wayenoonyana abasixhenxe: yayinguZekariya owamazibulo, ibe nguYediyali, uZebhadiya, uYateniyeli,

3 uElam, uYohanan, noEliyehunayi.

4-5 Bekukho no-Obhedi-edom owathamsanqelwa nguThixo waba noonyana abasibhozo. YayinguShemaya owamazibulo, ibe nguYozabhadi, uYowa, uSakare, uNataniyeli, uAmiyeli, uIsakare, noPewuletayi.

6 Unyana kaObhedi-edom, uShemaya, wazala oonyana abaziinkokheli, nditsho amagorha anobukroti.

7 Oonyana bakaShemaya aba ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabona badume ngobukroti uElihu noSemakiya.

8 Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi.

9 Kwinzala nezizukulwana zikaMeshelemiya kwakukho amakroti alishumi elinesibhozo.

10-11 KumaMerari yayinguHosa noonyana bakhe abane: uShimri, noHilekiya, noTebhaliya, noZekariya. UShimri wamiselwa ubukhulu nguyise nakuba wayengelozibulo. Kwinzala nezizalwane zikaHosa abagcini-masango kwindlu kaThixo babelishumi elinantathu.

12 La maqela abagcini-masango aphantsi kweenkokheli zawo xa ewonke ayenesigxina sawo sokulungiselela endlwini *kaNdikhoyo.

13 Amaqela la ênza *amaqashiso kumsebenzi wamasango, kungekho ukhethe phakathi komncinci nomkhulu.

14 Iqashiso lokugada isango elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Unyana wakhe uZekariya, owayedume ngamacebo, naye wenzelwa *amaqashiso, laphuma kwelokuba agade isango langasentla.

15 Iqashiso likaObhedi-edom laba lelokugada isango langasezantsi, eloonyana bakhe laba lelokugada oovimba.

16 ElooShupim noHosa iqashiso laba lelokugada isango elingasentshonalanga kunye nesango leShalekethe endleleni enyukayo. Abagadayo babengamaqela alandelanayo.

17 Mihla le abaLevi abagada ngasempumalanga babebathandathu, bebane ngasentla, bebane nangasezantsi. Koovimba abalindi aba babegada ngababini ngababini.

18 Kwinkundla yangasentshonalanga babebane endleleni, babe babini enkundleni phakathi.

19 Ngawo lawo ke amaqela abagcini-masango abayinzala kaKora nabayinzala kaMerari.

Abagcini boovimba bendlu kaThixo

20 Amawabo abaLevi ayongamele oovimba bendlu kaThixo noovimba bokugcina izinto ezingcwele.

21 ULadan, unyana kaGershon, wazala uYehiyeli nabanye oonyana ababeziinkulu zezindlu.

22 Oonyana bakaYehiyeli, uZetam nomninawa wakhe uJoweli, babongamele oovimba bendlu *kaNdikhoyo.

23 Bekukho nama-Amram, amaIzare, amaHebron, namaUziyeli aphathiswe imisebenzi ethile.

24 UShebhuweli umzukulwana kaGershom unyana kaMosis ebengunondyebo wendlu kaThixo.

25 UShebhuweli wayezalana noShelomiti. Kaloku uElizere, umntakwabo-Gershom, wazala uRabhiya, uRhabhiya wazala uYeshaya, uYeshaya wazala uYoram, uYoram wazala uZikri, uZikri wazala uShelomiti.

26 UShelomiti lo nezizukulwana zakhe wayongamele zonke izipho ezazinikelwe kuThixo ngukumkani uDavide neenkulu zezindlu namanye amadoda amakhulu awayeziingqwayi-ngqwayi nezithwala-ndwe zomkhosi.

27 Kaloku la madoda ayethathe inxalenye yamaxhoba emfazwe, anikela ngawo khon' ukuze indlu kaThixo ibe nokulungiswa.

28 Yonke into eyayinikelwe *ngumshumayeli uSamweli, nokumkani uSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noJowabhi unyana kaZeruya, nayiphi na enye into eyayinikelwe, yayisesandleni sikaShelomiti nezizalwane zakhe.

Ababethetha amatyala

29 Kwinzala kaIzare uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi ongenguwo owendlu kaThixo. Lo msebenzi wawukukugcina ucwangco nokuthetha amatyala akwaSirayeli.

30 Kwinzala kaHebron uHashabhiya nezizalwane zakhe babesenza umsebenzi kaNdikhoyo nowekomkhulu kumaSirayeli angasentshonalanga kweJordan. La maHebron ayeliwaka elinamakhulu asixhenxe, engamakroti.

31 Inkulu yamaHebron yayinguJeriya. Ngonyaka wamashumi amane elawula uDavide yaphandwa inzala kaHebron, kwafunyanwa amaHebron angamagorha eYozere kummandla waseGiliyadi.

32 UJeriya wayenezizalwana ezingamawaka amabini anamakhulu asisixhenxe. La madoda ayengooyise bezindlu, engamakroti, waza ukumkani uDavide wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, khon' ukuze benze umsebenzi kaThixo nowekomkhulu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29