1 Yeziganeko 8 XHO96

Inzala kaBhenjamin

1 Naba oonyana abahlanu bakaBhenjamin ngokuzana kwabo: nguBhela owamazibulo, ibe nguAshbhele, uAhara,

2 uNoha, noRafa.

3 Oonyana bakaBhela nguAdare, noGera, noAbhihudi,

4 noAbhishuwa, noNaman, noAhowa,

5 noGera, noShefufan, noHuram.

6-7 Oonyana bakaEhude nguNaman, noAhiya, noGera. Babeziinkulu zezindlu zaseGebha, ezo zanyanzelekayo ukuba zifuduke, zaza zaya eMahanati, zikhokelwa nguGera uyise kaUza noAhihudi.

8 UShaharayim wawuqhawula umtshato wakhe nabafazi bakhe, uHushim noBhayara, waya kuma eMowabhi,

9 wathatha uHodeshe, wazala uJobhabhi, noZibheya, noMesha, noMalkom,

10 noYehuze, noSakiya, noMirma. Oonyana bakhe aba bonke baba ziinkulu zezindlu.

11 Ke nomkakhe uHushim wayemzalele uAhitubhi noElipali.

12 Oonyana bakaElipali nguHebhere, noMisham, noShemede lowo wayakhayo iOno kwaneLodi neelali ezizingqongileyo.

AmaBhenjamin aseGati naseAyalon

13 OoBheriya noShema babeziinkulu zezindlu ezazimi eAyalon zaza zabagxotha abemi baseGati.

14 Kwinzala kaBheriya kukho uAhiyo, noShashaki, noYeremoti,

15 noZebhadiya, noAradi, noEdere,

16 noMikayeli, noIshpa, noYoha.

AmaBhenjamin aseJerusalem

17-18 Oonyana bakaElipali nguZebhadiya, noMeshulam, noHizeki, noHebhere, noIshmerayi, noYeziliya, noJobhabhi.

19-21 Oonyana bakaShimeyi nguYakim, noZikri, noZabhedi, noElihenayi, noZiletayi, noEliyeli, noAdaya, noBheraya, noShimrati.

22-25 Oonyana bakaShashaki nguIshpan, noHebhere, noEliyeli, noAbhedon, noZikri, noHanan, noHananiya, noElam, noAntotiya, noIfediya, noPenuweli.

26-27 Oonyana bakaJeroham nguShamsherayi, noShehariya, noAtaliya, noYareshiya, noEliya, noZikri.

28 Zizo ezo ke iinkulu zezindlu ezazihlala eJerusalem.

AmaBhenjamin aseGibheyon naseJerusalem

29 Ukhokho weGibheyon wayehlala khona eGibheyon. Igama lomkakhe nguMahaka.

30 Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNadabhi,

31 uGedore, uAhiyo, uZekere,

32 noMikeloti owazala uShimeya. Nabo nenzala yabo babehlala eJerusalem ngakwamanye amaBhenjamin.

Inzala kakumkani uSawule

33 UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhali.

34 UJonatan wazala uMeribhali, uMeribhali wazala uMika.

35 Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

36 UAhazi wazala uYowada, uYowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri, waza uZimri wazala uMoza,

37 uMoza wazala uBhineya, uBhineya wazala uRafa, uRafa wazala uElasa, uElasa wazala uAzele.

38 UAzele ebenoonyana abathandathu, amagama abo inguAzerikam, uBhokeru, uIshmayeli, uShariya, uObhadiya, noHanan.

39 Oonyana abathathu bakaEsheki, umntakwabo-Azele ngu-Ulam owamazibulo, ibe nguJewushe noElifelete.

40 Oonyana bakaUlam babengamagorha anobuchule kwicala lamatolo. Babenoonyana nabazukulwana abalikhulu elinamashumi amahlanu. Bonke abo babeyinzala kaBhenjamin.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29