1 Ke kaloku uDavide wathetha-thethana namaphakathi akhe onke, lawo aphethe amajoni aliwaka nalawo aphethe alikhulu.
2 Kananjalo wabhekisa kwibandla likaSirayeli liphelele, wathi: “Xa nibona kufanelekile, futhi kuyintando *kaNdikhoyo uThixo wethu, masiwagqogqe amawethu kuyo yonke imimandla yakwaSirayeli, singabashiyi ababingeleli nabaLevi abakwalapho kwezo dolophu ngokunjalo nasemaphandleni, bonke mabeze kuzibandakanya nathi.
3 Kambe masiyibuyise ityesi kaThixo wethu, kuba kakade asizange sibuzise kuye ngalo lonke ithuba lolawulo lukaSawule.”
4 Xa lilonke ibandla lavumelana kwezi mbono, kuba le nto yafumaneka ilungile kumntu wonke.
5 Ngoko ke uDavide wahlanganisa uSirayeli wonke jikelele ukusukela kumlambo iShikore kwelaseJiputa kuye kwinkalo yaseHamati, ukuze kulandwe ityesi kaThixo eKiriyati-yarim.
6 UDavide namaSirayeli ewonke waya eBhala kwaJuda (eKiriyati-yarim) ukuze ithathwe khona ityesi kaThixo leyo ibizwa ngegama lakhe uNdikhoyo. Ke yena ungqendeve phakathi *kwezithunywa ezimaphiko.
7 Bayithatha ke ityesi kaThixo endlwini ka-Abhinadabhi, beyithwele ngenqwelo entsha, ikhokelwa ngu-Uza noAhiyo.
8 UDavide namaSirayeli ephela babebhiyoza ngamxhelo mnye phambi koThixo, becula iingoma, bekhalisa iihaphu, iikatala, amagubu, amacangci, namaxilongo.
9 Bathi bakufika ngasesandeni sikaKidon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wayibamba ityesi yomnqophiso eyixhasa.
10 Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza, waza wambetha wafa, kuba eyichukumise ngesandla ityesi leyo. Ngoko ke wafa ngoko nangoko ebulawa nguThixo.
11 Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kwathiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.
12 Wangenwa kukoyika uThixo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ndingayithabathela njani na kum ityesi kaThixo?”
13 Ngoko ke wayiyeka ityesi leyo, akabi sayibeka kwisixeko sikaDavide. Ndaweni yaloo nto wayibeka endlwini kaObhedi-edom umGati.
14 Yahlala apho ke ityesi kaThixo, kuloo mzi kaObhedi-edom, iinyanga zantathu. Ke uNdikhoyo wayithamsanqela indlu kaObhedi-edom nento yonke anayo.