1 Yeziganeko 13 XHO96

Ityesi yomnqophiso ilandwa eKiriyati-yarim

1 Ke kaloku uDavide wathetha-thethana namaphakathi akhe onke, lawo aphethe amajoni aliwaka nalawo aphethe alikhulu.

2 Kananjalo wabhekisa kwibandla likaSirayeli liphelele, wathi: “Xa nibona kufanelekile, futhi kuyintando *kaNdikhoyo uThixo wethu, masiwagqogqe amawethu kuyo yonke imimandla yakwaSirayeli, singabashiyi ababingeleli nabaLevi abakwalapho kwezo dolophu ngokunjalo nasemaphandleni, bonke mabeze kuzibandakanya nathi.

3 Kambe masiyibuyise ityesi kaThixo wethu, kuba kakade asizange sibuzise kuye ngalo lonke ithuba lolawulo lukaSawule.”

4 Xa lilonke ibandla lavumelana kwezi mbono, kuba le nto yafumaneka ilungile kumntu wonke.

5 Ngoko ke uDavide wahlanganisa uSirayeli wonke jikelele ukusukela kumlambo iShikore kwelaseJiputa kuye kwinkalo yaseHamati, ukuze kulandwe ityesi kaThixo eKiriyati-yarim.

6 UDavide namaSirayeli ewonke waya eBhala kwaJuda (eKiriyati-yarim) ukuze ithathwe khona ityesi kaThixo leyo ibizwa ngegama lakhe uNdikhoyo. Ke yena ungqendeve phakathi *kwezithunywa ezimaphiko.

7 Bayithatha ke ityesi kaThixo endlwini ka-Abhinadabhi, beyithwele ngenqwelo entsha, ikhokelwa ngu-Uza noAhiyo.

8 UDavide namaSirayeli ephela babebhiyoza ngamxhelo mnye phambi koThixo, becula iingoma, bekhalisa iihaphu, iikatala, amagubu, amacangci, namaxilongo.

9 Bathi bakufika ngasesandeni sikaKidon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wayibamba ityesi yomnqophiso eyixhasa.

10 Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza, waza wambetha wafa, kuba eyichukumise ngesandla ityesi leyo. Ngoko ke wafa ngoko nangoko ebulawa nguThixo.

11 Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kwathiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.

12 Wangenwa kukoyika uThixo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ndingayithabathela njani na kum ityesi kaThixo?”

13 Ngoko ke wayiyeka ityesi leyo, akabi sayibeka kwisixeko sikaDavide. Ndaweni yaloo nto wayibeka endlwini kaObhedi-edom umGati.

14 Yahlala apho ke ityesi kaThixo, kuloo mzi kaObhedi-edom, iinyanga zantathu. Ke uNdikhoyo wayithamsanqela indlu kaObhedi-edom nento yonke anayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29