10 Ke uKushe wazala uNimrodi owaba ligorha lokuqala emhlabeni.
11 Nasi isizukulwana sikaMizerayim: ngamaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
12 namaPatrusi, namaKaseluyi (apho kwaphuma khona amaFilistiya), namaKafto.
13 UKanana wazala uSidon owamazibulo, noHeti,
14 kunye namaJebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,
15 namaHivi, nama-Areki, namaSini,
16 nama-Arvadi, namaZemari, namaHamati.