39 Oonyana bakaLotan nguHori noHomam. Udade boLotan nguTimna.
40 Oonyana bakaShobhali nguAliyana, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaZibheyon nguAya noAna.
41 Unyana ka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan, noItran, noKeran.
42 Oonyana bakaEzere nguBhilehan, noZavan, noYakane. Oonyana bakaDishan ngu-Uze noAran.
43 Naba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom phambi kokuba kwaSirayeli kubekho ukumkani olawulayo: NguBhela unyana kaBhehore, okomkhulu laliyiDinabha.
44 Akufa uBhela kwangena esikhundleni sakhe uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera.
45 Akufa uJobhabhi kwangena esikhundleni sakhe uHusham wakummandla wakwaTeman.