42 Oonyana bakaEzere nguBhilehan, noZavan, noYakane. Oonyana bakaDishan ngu-Uze noAran.
43 Naba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom phambi kokuba kwaSirayeli kubekho ukumkani olawulayo: NguBhela unyana kaBhehore, okomkhulu laliyiDinabha.
44 Akufa uBhela kwangena esikhundleni sakhe uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera.
45 Akufa uJobhabhi kwangena esikhundleni sakhe uHusham wakummandla wakwaTeman.
46 Akufa uHusham kwangena esikhundleni sakhe uHadadi unyana kaBhedadi, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi, okomkhulu laliyiHaviti.
47 Akufa uHadadi kwangena esikhundleni sakhe uSamla waseMasereka.
48 Akufa uSamla kwangena esikhundleni sakhe uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati.