1 Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa.
2 AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa.
3 Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamchana, bamngxwelerha.
4 Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wenjenje: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga.”Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.
5 Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele.
6 Kwanjalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye nendlu yakhe iphela.