3 Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamchana, bamngxwelerha.
4 Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wenjenje: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga.”Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.
5 Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele.
6 Kwanjalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye nendlu yakhe iphela.
7 AmaSirayeli onke angaphesheya kwentili athi akubona ukuba umkhosi uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolopu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.
8 Ngengomso xa amaFilistiya aya kuphanga impahla yâbo babewe edabini, afika izidumbu zooSawule noonyana bakhe ziqungquluze apho kuloo ntaba iGilibhowa.
9 Amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe uSawule, athatha intloko yakhe nezixhobo zakhe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso *koothixo bawo nakubantu bawo.