2 Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo uThixo wakho wathi kuwe: ‘Wena uya kuba ngumalusi wabantu bam amaSirayeli, ube ngumlawuli wabo.’ ”
3 Aya kufika ke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani uDavide eHebron, waza wanqophisana nawo phaya eHebron phambi koNdikhoyo, aza ke amthambisa waba ngukumkani wamaSirayeli ngokwesithembiso sikaNdikhoyo esivakaliswe nguSamweli.
4 UDavide namaSirayeli ephela baphuma baya eJerusalem – yiJebhusi ke leyo. Abemi bakhona, amaJebhusi,
5 athi kuDavide: “Akunakuze ungene apha wena!” Kambe ke uDavide wasuka wayithimba inqaba iZiyon, isixeko sikaDavide.
6 UDavide ke wayethe: “Nabani na othe wakhokela xa kuhlaselwa amaJebhusi uya kuba yinjengele.” Ke uJowabhi, unyana kaZeruya, yaba nguye ophumayo, waza ke wenziwa injengele yomkhosi.
7 Waya kuhlala apho kuloo nqaba uDavide, yaza yabizwa ngokuba sisixeko sikaDavide.
8 Wakha isixeko sayijikeleza, esusela kungqameko, waya kuthi ngqu ngodonga olujikelezileyo. Ke yena uJowabhi wasizinzisa isixeko ngokubanzi.