21 Waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywa kuloo magorha mathathu.
22 Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.
23 Wabulala umJiputa owayelufafa oluziimitha ezimbini ezinekota ubude. UmJiputa lo wayephethe umkhonto ongangesibonda, uBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.
24 Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.
25 Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.
26 Nanga loo magorha:NguAsayeli umntakwabo-Jowabhi, uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
27 uShamoti waseHarori, uHeleze wasePelon,