1 La ngamadoda awaya kuDavide eZikelage, ngokuya wayegxothiwe nguSawule unyana kaKishe. Yayingamanye kumajoni awayesima nawo edabini.
2 Ayexhobe ngeentolo *neenkwitshi, iinto ezidubula ngazo zozibini esokunene nesasekhohlo. Yayingamadoda endlu kaBhenjamin, izizalwana zikaSawule.
3 Ewe, la madoda iingqwayi-ngqwayi zawo yayinguAhizene noYowashe, oonyaba bakaShemawa waseGibheya; wona inguYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; uBheraka, uYehu waseAnatoti,
4 noIshmaya waseGibheyon, igorha kulaa mashumi mathathu elaliyingqwayi-ngqwayi yawo; uJeremiya, uYaziyeli, uYohanan, uYozabhadi waseGedera,
5 uEluzayi, uJerimoti, uBheliya, uShemariya, noShefatiya umHarufi,