27 ekunye noJoyada intloko yendlu ka-Aron, kunye namadoda angamawaka amathathu namakhulu asixhenxe,
28 noZadoki igorha lomfana, namagosa endlu yakowabo angamashumi amabini anesibini;
29 awakwaBhenjamin kuloSawule, ayengamawaka amathathu, awayesoloko engakuSawule ukuza kuthi gaa ngelo thuba;
30 awakwaEfrayim, amagorha aziwayo nakowawo, yayingamashumi amabini amawaka namakhulu asibhozo;
31 awesiqingatha sikaManase, awayekhutshelwe ukuza kumisela uDavide ukuba abe ngukumkani, yayilishumi elinesibhozo lamawaka;
32 awakwaIsakare, izinto ezaziwaqonda amaxesha, ziyazi into afanele ukuyenza uSirayeli, yayiziinkokheli ezimakhulu mabini, zikunye nezizalwana zazo ezaziphantsi kolawulo lwazo;
33 awakwaZebhulon, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezichophele imfazwe, zilungele nasiphi na isixhobo, zizimisele ukunceda uDavide zingenakumbi, yayingamashumi amahlanu amawaka;