1 Ukumkani uHiram waseTire wathumela izigidimi kuDavide, ziphethe izibonda zomsedare, zihamba neengcibi zamatye nabachweli, ukuze bakhele uDavide ibhotwe.
2 Ke uDavide waqonda ukuba *uNdikhoyo umzinzisile wangukumkani kwaSirayeli, eqonda nokuba umbuso wakhe uwuphakamise kakhulu ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
3 Apho eJerusalem ke uDavide wathatha abanye abafazi, waza ke wazala abanye oonyana neentombi.
4 Nanga amagama abantwana bakhe abazelwe eJerusalem: nguShamuwa, uShobhabhi, uNatan, uSolomon,