11 Waphuma nomkhosi wakhe ke uDavide, waya eBhali-perazim, apho wafika wawoyisa amaFilistiya. Wavakala esithi: “Njengokutyhoboza kwamanzi uThixo wenjenjalo ukuzikhukulisa iintshaba zam ngesandla sam.” Ngoko ke loo ndawo kwathiwa yiBhali-perazim.
12 Ke kaloku amaFilistiya abashiya apho *oothixo bawo, waza uDavide wayalela ukuba batshiswe.
13 Aphinda ke amaFilistiya ayihlasela loo ntili,
14 waza uDavide wabuzisa kuThixo kwakhona, ke yena uThixo wathi kuye: “Sukuya ngqo kuwo, koko warhawule, uze uwahlasele phaya ngakwimithi yebhalsam.
15 Uze uthi nje ukuba uve isingqisho phaya kwiincopho zemithi yebhalsam, uphume ungene kuwo, kuba lowo yoba ngumqondiso wokuba uThixo uhamba phambi kwakho, uza kuwuqwakanisa umkhosi wamaFilistiya.”
16 UDavide ke wenza ngokomyalelo kaThixo, baza ke bawuvuthulula umkhosi wamaFilistiya, ukusuka eGibhiyon kuye kutsho eGezere.
17 Udumo lukaDavide ke lwanabela kuzo zonke izizwe, uNdikhoyo wazitsho zamhlonela.