3 Apho eJerusalem ke uDavide wathatha abanye abafazi, waza ke wazala abanye oonyana neentombi.
4 Nanga amagama abantwana bakhe abazelwe eJerusalem: nguShamuwa, uShobhabhi, uNatan, uSolomon,
5 uIbhare, uElishuwa, uElipelete,
6 uNoga, uNifege, uYafiya,
7 uElishama, uBheliyada, noElifelete.
8 Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wasuka waya kuwahlangabeza.
9 Afika ke amaFilistiya ayihlasela intili yamaRafa,