22 UKenaniya inkulu yabaLevi yayinguye umphathi wekwayala, ingumsebenzi wakhe lowo, kuba kakade wayeyingcali kwelo cala.
23 UBherekiya noElikana babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.
24 Aba ke babeza kukhalisa amaxilongo phambi kwetyesi kaThixo: uShebhaniya, uYoshafati, uNataniyeli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya, noElizere. UObhedi-edom noYehiya nabo babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.
25 Ke kaloku uDavide, namadoda amakhulu akwaSirayeli, kunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, benyuka baya kuthatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo eyayisendlwini kaObhedi-edom. Babehamba benemincili
26 ngenxa yokuba uThixo ebancedile abaLevi ababethwele ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, kwenziwa umbingelelo ngeenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe.
27 Ke uDavide nabaLevi ababethwele ityesi, ngokunjalo neemvumi kunye noKenaniya owayengumphathi-kwayala, bonke babethe wambu iminweba yelinen entle kunene. Kananjalo ke uDavide wayefake *nesidanga esenziwe ngelinen.
28 Ngoko ke wonke uSirayeli waya kuyithatha wayibuyisa ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, ehamba ekhwaza ekhalisa nezigodlo zenkunzi yegusha, amaxilongo, amacangci, iihapu, nemirhubhe.