5 Abenzala kaKohati: u-Uriyeli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amabini;
6 abenzala kaMerari: uAsaya inkulu yezizalwana ezingamakhulu amabini namashumi amabini;
7 abenzala kaGershom: uJoweli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amathathu;
8 abenzala kaElizafan: uShemaya inkulu yezizalwana ezimakhulu mabini;
9 abenzala kaHebron: uEliyeli inkulu yezizalwana ezimashumi asibhozo;
10 abenzala kaUziyeli: uAminadabhi inkulu yezizalwana ezilikhulu elineshumi elinesibini.
11 UDavide wabiza ababingeleli uZadoki noAbhiyatare, nabaLevi u-Uriyeli, uAsayiya, uJoweli, uShemaya, uEliyeli, noAminadabhi.