11 Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.
12 Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:imimiselo ayenzileyo, nemithetho ayiwisileyo.
13 Nina niyinzala yesicaka sakhe uSirayeli,nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.
14 UThixo wethu nguNdikhoyo;yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.
15 Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.
16 Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,kwanesifungo asenze kuIsake.
17 Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphele uSirayeli,