14 UThixo wethu nguNdikhoyo;yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.
15 Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.
16 Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,kwanesifungo asenze kuIsake.
17 Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphele uSirayeli,
18 esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo esililifa lakho.”
19 Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.
20 Babebhadula kumazwe ngamazwe,besuka kolunye ulawulo baye kolunye.