27 Yena unesihomo nesithozela;kukho ubungangamsha nemincili ekhayeni lakhe.
28 Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.
29 Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, nize phambi kwakhe.Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela.
30 Malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe;nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
31 Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi.Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani.
32 Gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo.
33 Mayombele imithi emahlathini, ibe nemihlali phambi koNdikhoyo,kuba uyeza uNdikhoyo – uza kuligweba ihlabathi.