40 ukuze bahlale besenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo kwelo qonga lamadini atshiswayo, loo nto ke beyenza kusasa, nasemalanga, ngokwemimiselo yonke ebhalwe encwadini yomthetho kaNdikhoyo leyo wayinikezela kuSirayeli.
41 Apho kubo ke washiya noHeman noJedutun nabo bonke ababenyuliwe bakhankanywa ukuze benze imibulelo kuNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo.
42 UHeman noYedutun ngabo ababemiselwe ukuhlokomisa amaxilongo namacangci kananjalo badlale nezinye izikhalisi zeengoma zokudumisa uThixo. Ke bona oonyana bakaYedutun bamiselwa isango.
43 Ke kaloku bonke abantu bemka, yangulowo nalowo wagoduka. NoDavide ke wagoduka, waya kuthamsanqela usapho lwakhe.